Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 3 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1NGAKO oko, bazalwana abangcwele, abalwamkeleyo ubizo lwasezulwini! gqalani lowo ungumpostile nomperisite omkulu wemvumelo yetu, u‐Kristu Yesu;

2obe enyanisekile kulowo wammisayo, njengokuba naye u‐Mosesi ebenjalo kuyo yonke indlu yake.

3Ngokuba yena lo ebalelwe ukuba ufanele ubungcwalisa obukulu ngakumbi ngapezu kwo‐Mosesi, kwa njengoko anodumo olukulu kolwendlu lowo wayenzayo yona.

4Ngokuba zonke izindlu zisenziwa ngotile; kodwa owazenzayo izinto zonke ngutixo.

5Kanjalo u‐Mosesi okunene ebenyanisekile kuyo yonke indlu yake, njengesicaka, kube kukunqi̔nwa kwezinto eziya kutetwa;

6kodwa u‐Kristu, njengonyana pezu kwendlu yake; esiyiyo indlu yake tina, xeshekweni kambe ukalipo noqa̔yiselo lwetemba letu silubamba luqinisekile kude kube sekupeleni.

7Ngoko, njengokuba esiti umoya oyingcwele, Namhla nje, nakuliva ilizwi lake,

8maningazenzi lukuni intliziyo zenu, njengasengcapukisweni, ngomhla wokulinga entlango;

9okuya oyihlo benu bandilinga, bandivavanya, baza babona imisebenzi yam iminyaka yamashumi mane.

10Ngoko bendiqumbele isizukulwana eso, ndati: Bayalahleka futi ngentliziyo; abazazanga indlela zam kanjako.

11Ndada ndafunga emsindweni wam ukuti: Abasayi kungena ekupumleni kwam.

12Lumkani, bazalwana! hleze kuke kubeko komnye wenu intliziyo ekohlakeleyo wokungakolwa, ekumkeni kuye utixo ohleliyo.

13Koko yalanani imihla ngemihla, nxa kusabizwayo ngokuti ngumhla wanamhla; ukuze kungabiko mntu wakuni owenziwa lukuni ngenkohliso yesono.

14Ngokuba singabamamkeleyo u‐Kristu, xeshekweni kambe isiqalo sokwomelela kwetu sisibambayo siqinisekile kude kube sekupeleni:

15ekubeni kutshiwo ukuti: Namhla nje, nakuliva ilizwi lake, maningazenzi lukuni intliziyo zenu njengasengcapukisweni.

16Pofu bebengobanina abati bakuva bacapukisa? bebengengabo na bonke kanti abapumayo e‐Jipete ngo‐Mosesi?

17Kanjalo bebengobanina wabaqumbelayo iminyaka yamashumi mane? bebengengabo na abonayo, abamizimba yawayo entlango?

18Kanjalo wafunga kobanina ukuba abayi kungena ekupumleni kwake, kupela kubo ababengevanga?

19Kwa njalo siyabona ukuba babekohliwe kukungena ngenxa yokungakolwa.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help