U‐Rute 2 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1KEKALOKU u‐Nahomi ebenomlamane wendoda yake, umntu omkulu ngobutyebi, owesizalwane sika‐Elimeleki; negama lake ngu‐Bohazi.

2Waza u‐Rute um‐Mowabikazi wati ku‐Nahomi: Makendiye entsimini, ndibikice pakati kwezikwebu emva kwalowo endiya kufumana ufefe emehlweni ake. Wayesiti kuye: Yiya, ntombi yam!

3Waya ke, weza, wabikica entsimini emva kwabavuni: wati ukuhla kwake wahla wafika esahlulweni sentsimi esisesika‐Bohazi, obengowesizalwane sika‐Elimeleki.

4Kekaloku bona ke, u‐Bohazi wavela e‐Beteleheme, wati kubo abavuni: Uyehova makabe nani! Bati nakuye: Uyehova makatamsanqele wena!

5Waza wati u‐Bohazi kwisicaka sake esasimisiwe pezu kwabavuni: Yekabanina inkazana le?

6Sapendula isicaka esasimisiwe pezu kwabavuni, sati: Yinkazana engum‐Mowabikazi, eyabuyayo no‐Nahomi ezweni le‐Mowabi;

7yaka yati: Makendibikice ndibute pakati kwezitungu emva kwabavuni; yaselisiza ke, yamana ukubako kuseloko kwasayo kwada kwakaloku nje, wahlala endlwini umzuzwana kwapela.

8Wandula wati u‐Bohazi kuye u‐Rute: Akuvanga na, ntombi yam? Ungayi ukubikica kwenye intsimi, kanjako ungesuki kulendawo, uti unamatele apa ndawonye nezicakazana zam:

9amehlo ako makabe sentsimini evunwa zizo, uzilandele: andibayalelanga abafana na ukuba mabangakucukumisi? nxa unxaniweyo, yiya emipandeni, usele koko bakele kona abafana.

10Waza wawa ngobuso, waziqubuda ngasemhlabeni, wati kuye: Kunganina ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, ukuze ube nokundazi, ndingowasemzini nje?

11Wapendula u‐Bohazi wati kuye: Kukolisile ukushunyayelwa kum konke ukwenzileyo kunondoda wako emveni kwokufa kwendoda yako; nokokuba wabushiya uyihlo nonyoko, nelizwe lokuzalwa kwako, waya ebantwini wafudula ungabazanga:

12wanga uyehova angakuvuza ukwenza kwako! maunikwe umvuzo ozalisekileyo nguyehova, utixo wo‐Sirayeli, lowo uze kutemba ngapantsi kwamapiko ake.

13Waza wati: Mandifumane ufefe emehlweni ako, nkosi yam! ngenxa yokuba unditutuzele, nangenxa yokuba utetile kwintliziyo yesicakakazi sako, nangona ndingenjengaso esinye sezicakakazi zako.

14Wati kanjalo u‐Bohazi kuye: Ngexesha lokudla, sondela apa, udle kwisonka, uncinde umtanyana wako kuyo iyasine.

Waza wahlala pantsi ngasecaleni labavuni; wamnikela amaqashu; wadla, wahluta, wasalisa nokusalisa.

15Wati akusuka ukuya kubikica, wandula u‐Bohazi wabayalela abafana bake, esiti: Makabikice kwa pakati kwezitungu, ningamdanisi:

16nakanjako nike nimwisele intwana yokubanjwayo zizandla, niyishiye, ayicole ke, nize ningamkalimeli.

17Kwa njalo wabikica entsimini kwada kwahlwa, wayibula into abeyicolile, yanga yayiyefa yeṙalasi.

18Wandula wayitabata, wangena esixekweni; waye unondoda wake wayibona into ebicoliwe nguye: waza wakupa, wanika kuye oko abekusalisile emva kwokuhluta kwake.

19Wayesiti unondoda wake kuye: Wabikica pina namhla? ubusebenza pina? makatanyusanqelwe lowo obenokukwazi! Waza wamshumayeza unondoda wake lowo ubesebenza naye, wati: Igama lendoda bendisebenza nayo namhla ngu‐Bohazi.

20Wandula u‐Nahomi wati kumolokazana wake: Makatanyusanqelwe yena nguyehova, ongayekanga ububele bake kubo abapilileyo nakubo abafileyo! Walekela u‐Nahomi wati kuye: Lendoda iyalamana nati, ingowabakululi betu.

21Waza wati u‐Rute um‐Mowabikazi: Kanjako, wati kum: Uya kuti nama kwizicaka zam, zide zigqibe sonke isivuno sam.

22Waza wati u‐Nahomi kuye u‐Rute umolokazana wake: Kulungile, ntombi yam! ukuba upume nezicakazana zake, baze bangahlangani nawe kwenye intsimi.

23Kwa njalo wanamatela kuzo izicakazana zika‐Bohazi, ukuba abikice, kwada kwagqitywa ukuvunwa kweṙalasi nokuvunwa kwenqolowa; wahlala ke nonondoda wake.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help