1KANJAKO ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
2Nyana woluntu! beka ubuso bako ngakuyo intaba yakwa‐Sehire, uze uprofiteshe ngakuyo,
3uti kuyo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, ntaba yakwa‐Sehire! ndandiya kwolula isandla sam ngakuwe, ndikwenze ube yingcitakalo nentshabalalo.
4Izixeko zako ndozenza amanxuwa, nawe woba yingcitakalo; wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
5Ngenxa yokuba ubunobutshaba bakudala, nokuba walweyelisela usapo luka‐Sirayeli ngamandla eṙele, ngexesha lelishwa lalo, ngexesha lenkohlakalo yesipelo:
6ngako oko, ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso ndokwenza ube ligazi, liti igazi likuputume: ukuba ungatiyanga igazi, kukona igazi liya kukuputuma.
7Ndandiya kuyenza intaba yakwa‐Sehire ibe yingcitakalo nentshabalalo, ndinqamle kwa kuyo odlulayo nobuyayo.
8Nentaba zake ndozizalisa ngabahlatyiweyo bake; induli zako, nezihlambo zako, nazo zonke intili zako, abahlatyiweyo ngeṙele bowa kuzo.
9Ndiya kukwenza ingcitakalo engunapakade, nezixeko zako zona aziyi kumiwa; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
10Ngokokuba ute: Ezizizwe zibini nalamazwe mabini oba ngawam, siya kulifuya ke; — nakuba uyehova ebeko kona;
11ngako oko, ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, sendiya kwenza njengomsindo wako nanjengomona wako, obusenza ngawo ngotiyo lwako ngakubo; ndandiya kwaziwa pakati kwabo, okuya ndikugwebileyo.
12Wauya kukwazi okokuba mna Yehova ndizivile zonke izigxeko zako, ozitetileyo ngakuzo intaba zakwa‐Sirayeli, usiti: Zicitakele, zipiwe tina zibe kukudla.
13Kwa njalo uzenzile mkulu ngakum ngomlomo wako, namazwi ako uwandisile ngakum; ndivile ke.
14Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nxa kuvuya ilizwe lonke, ndiya kukwenza ingcitakalo.
15Njengokuba ubuvuyela ilifa lendlu ka‐Sirayeli ngenxa yokuba licitakele, ndiya kwenje njalo kuwe: woba yingcitakalo, ntaba yakwa‐Sehire! nayo yonke i‐Edome, yona yonke; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.