1KWAYE kupuma iqashiswa losapo luka‐Josefe e‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko, laya emanzini ase‐Jeriko ngasempumalanga, entlango enyukayo e‐Yoredane ngentaba yase‐Betele;
2laza lapuma e‐Betele laya e‐Luze, ladlulela emdeni wama‐Areki e‐Hatarote;
3landula lehla ngasentshonalanga laya emdeni we‐Yafeleti, kude kwasemdeni we‐Bete‐horone yasezantsi, nase‐Gezere: nokupela kwalo kwakuselwandle.
4Kwa njalo onyana baka‐Josefe, u‐Manase no‐Frayime, bamkela ilifa labo.
5Kekaloku nangu umda wosapo luka‐Frayime, ngezizalwane zalo: umda welifa lalo ngasempumalanga ubuyi‐Hatarote‐adari kude kwase‐Bete‐horone yasentla;
6waza umda lowo wapumela ngaselwandle e‐Mikemetate ngecala lasenode, wajika apo umda lowo waya ngasempumalanga e‐Tahanate‐shilo, wadlula kona ngecala lasempumalanga waya e‐Yanoha;
7wehla e‐Yanoha waya e‐Hatarote, nase‐Naharate, wafikela e‐Jeriko, wapela e‐Yoredane.
8Uvela e‐Tapuwa waya umda lowo ngasentshonalanga emlanjeni we‐Kana; nokupela kwawo kwakuselwandle. Lilo eli ilifa lesizwe sosapo luka‐Frayime ngezizalwane zalo:
9kunye nezixeko ezahlulelwa usapo luka‐Frayime pakati kwelifa losapo luka‐Manase; zonke izixeko ezo nemizi yazo.
10Kodwa alwagqogqa aba‐Kanane abebemi e‐Gezere; koko aba‐Kanane behleli pakati kwama‐Frayime kude kwanamhla nje, benikela ngenkonzo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.