1UTIXO uyindawo yokupepela namandla kuti: ungumncedi okoyo kakulu ezimbandezelweni.
2Soti ngoko singoyiki ekuguqulweni kwomhlaba, nasekushukunyisweni kwentaba pakati kwolwandle;
3nxa agquma amanzi alo, alwe; nxa intaba zingcangcazela ngokukukumala kwalo. Sela.
4Kuko umlambo, imijelo yawo iya kuvuyisa isixeko sikatixo, indawo eyingcwele yetabanakele zopezu konke.
5Utixo upakati kwaso; asiyi kushukunyiswa: utixo uya kusinceda kwa kusaza kusa.
6Izizwe zenza impitimpiti, izikumkani zashukunyiswa; wapuma ilizwi lake, umhlaba wanyibilika.
7Uyehova wemikosi unati; utixo ka‐Yakobi uyinyango kuti. Sela.
8Yizani nikangele imisebenzi kayehova, ozenzileyo intshabalaliso emhlabeni.
9Uyapelisa imfazwe kude kube sencameni yomhlaba; uyapula isipeta, anqamle intshuntshe; inqwelo zokulwa uyazitshisa emlilweni.
10Yekani, nazi ke ukuba ndi ngutixo mna: ndiya kupakanyiswa ezizweni, ndiya kupakanyiswa emhlabeni.
11Uyehova wemikosi unati; utixo ka‐Yakobi uyinyango kuti. Sela.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.