1KWOBA nzima kuwe ucitakalisayo, kanti wena akucitakaliswanga; otimbayo, kanti akutinjwanga wena! nxa ugqibile ukucitakalisa, uya kucitakaliswa; nxa ufezile ukutimba, kwotinjwa wena.
2 Yehova! yiba nofefe kuti; sikangele kuwe; yiba yingalo yabo imiso yonke; ewe, yiba lusindiso lwetu ngexesha lobunzima.
3Ngenxa yentlokoma yesipitipiti abantu besaba; ekupakameni kwako, izizwe zitiwe sa.
4Amaxoba enu aya kubutwa njengokubuta kwenkumbi; njengokubaleka kwemiqikela kwobalekelwa pezu kwawo.
5Uyehova upakanyisiwe; ngokuba emi pezulu; uzalisile i‐Ziyone ngobugwebo nangobulungisa.
6Woba yingqiniso yamaxesha ako, ubuninzi bosindiso, ubulumko, nokwazi: ukwoyikwa kukayehova kuyindyebo yake.
7Bona ke, amaṙoti abo ayakala ngapandle; izitunywa zoxolo ziyalila ngobuṙaṙa.
8Indlela zenekile; umhambi uyapela: ucebano ulwapule; izixeko uzidelile; akakatali ngumntu.
9Ilizwe liyalila, liyacubuka; i‐Lebanone idanile, iyabuna; i‐Sharone injengobala; i‐Bashane ne‐Karamele ziyavutulula amagqabi.
10Kaloku ndiya kusuka, utsho uyehova, kaloku ndiya kuzukiswa, kaloku ndozipakamisa.
11Niya kukaula isikota; niya kuzala indiza; owenu umoya ungumlilo oya kunidla.
12Kanjalo izizwe zoba njengokutsha kwekalike; njengeminga egauliweyo, ziya kutshiswa ngomlilo.
13Yivani, nina bakude, oko ndikwenzileyo; nani bakufupi, yazini amandla am!
14Aboni bayankwantya e‐Ziyone; ukungcangcazela kuqubule abaginwa; ngubanina wakuti ongahlalayo emlilweni odlayo? ngubanina wakuti ongahlalayo ezitshisweni ezingunapakade?
15Lowo ohambayo ngokulungisa, eteta izinto eziyinene; odelayo inzuzo yembandezelo, ovutulula izandla zake ukuba angapati isincwancwaniso, oti vingci indlebe zake ukuba angapulapuli okwegazi, ocimayo amehlo ake ukuba angaboneli ububi;
16nguye oya kuhlala pezulu: inqaba zamawa zoba yinyango yake; isonka sake wosipiwa; amanzi ake oba eqinisekile.
17Amehlo ako okangela ukumkani ebuhleni bake: aya kubona amazwe akude.
18Intliziyo yako yokumbulela isoyikiso: upina umba̔li? upina umbuti weminikelo? upina lowo owazibalayo inqaba?
19Abantu abalukuni akusayi kubabona; abantu abakuteta kungumgushanxa, kungenakuqondwa, abanteto iyeyasemzini, ingenakuqiqwa.
20Kangela i‐Ziyone, isixeko semitendeleko yetu: amehlo ako obona i‐Yerusaleme iyintlalo eyonwabileyo, intente engayi kufuduswa; izikonkwane zayo aziyi kunyotulwa napakade, nazo zonke intambo zayo azisayi kuqaulwa.
21Koko kwa lapo uyehova obungcwalisa woba yindawo yemilambo neyezibaxa ezibanzi kuti; akuyi kuhamba kuyo umkombe onemipini; kanjalo inqanawa entle ayiyi kudlula pezu kwayo.
22Ngokuba uyehova ngumgwebi wetu; uyehova ngumnikamteto wetu; uyehova ngukumkani wetu; nguye oya kusisindisa.
23Intambo zako ziyaxengaxenga; bebengeqinise isikondo semaste; bebengetwabulule iseli. Oko kwabiwa itinjwa lamaxoba amaninzi; iziqwala zapanga impango.
24Akusayi kutiwa ngomiyo kona: Ndiyafa; abantu abahleli kuyo boxolelwa inkohlakalo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.