1NDIPENDULE ekubizeni kwam, Tixo wobulungisa bam! wandivulela ebunzimeni; ndipate ngofefe, uve umtandazo wam.
2Bonyanandini babantu! kwoba kade kangakananina ubungcwalisa bam buyindano? kwoba kade kangakananina nitanda okungendawo, nifuna ubuxoki? Sela.
3Yazini kodwa ukuba uyehova uzahlulele obedeshayo: uyehova uya kuva, ndakubiza kuye.
4Ngcangcazelani, ningoni; tetani nentliziyo yenu eluku̔kweni lwenu, niti cwaka. Sela.
5Bingani imibingo yobulungisa, nitembele kuye uyehova.
6Baninzi abati: Ngubanina oya kusibonisa ukulunga? Yehova! pakamisela pezu kwetu ukukanya kwobuso bako.
7Ufakile uvuyo entliziyweni yam, lugqitisa kolwexesha lokwanda kwenqolowa yabo neveyine yabo.
8Kwa kunye, ndiya kulala pantsi, ndilale ubutongo, ngokwonwaba: ngokuba enguwe wedwa, Yehova! ondihlalisayo ekunqabeni.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.