Amaculo 4 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO IV.Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeneginote.

1NDIPENDULE ekubizeni kwam, Tixo wobulungisa bam! wandivulela ebunzimeni; ndipate ngofefe, uve umtandazo wam.

2Bonyanandini babantu! kwoba kade kangakananina ubungcwalisa bam buyindano? kwoba kade kangakananina nitanda okungendawo, nifuna ubuxoki? Sela.

3Yazini kodwa ukuba uyehova uzahlulele obedeshayo: uyehova uya kuva, ndakubiza kuye.

4Ngcangcazelani, ningoni; tetani nentliziyo yenu eluku̔kweni lwenu, niti cwaka. Sela.

5Bingani imibingo yobulungisa, nitembele kuye uyehova.

6Baninzi abati: Ngubanina oya kusibonisa ukulunga? Yehova! pakamisela pezu kwetu ukukanya kwobuso bako.

7Ufakile uvuyo entliziyweni yam, lugqitisa kolwexesha lokwanda kwenqolowa yabo neveyine yabo.

8Kwa kunye, ndiya kulala pantsi, ndilale ubutongo, ngokwonwaba: ngokuba enguwe wedwa, Yehova! ondihlalisayo ekunqabeni.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help