1DUMISANI uyehova! — Dumisa uyehova, mpefumlo wam!
2Ndiya kudumisa uyehova ngexa ndisadla ubomi; ndiya kucula kutixo wam ngexa ndiseko.
3Musani kutembela ezinkosini, nakunyana woluntu, ekungeko lusizo kuye.
4Umoya wake uyapuma, abuyele emhlabeni wake: kwa ngalomini ayatshabalala amaqinga ake.
5Hai itamsanqa loncedo lu ngutixo ka‐Yakobi, lotemba li kuyehova utixo wake!
6owenza izulu nomhlaba, ulwandle nako konke okukulo; oyigcinayo inyaniso kude kube ngunapakade:
7owenzela ababandezelweyo umgwebo; owamkelisa abalambileyo ukutya. Uyehova nyakulula amabanjwa;
8uyehova uyatyila amehlo emfama; uyehova uyapakamisa abatotyiweyo; uyehova uyatanda abalungileyo;
9uyehova uyagcina abasemzini; nyaxasa inkedama nomhlolokazi: kodwa indlela yabakohlakeleyo uyayipenula.
10Uyehova uya kupata ngobukumkani kude kube ngunapakade: kwa utixo wako, Ziyone! kwisizukulwana ngesizukulwana. — Dumisani uyehova!
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.