U‐Yisaya 18 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Hoi! wena ’lizwe lokuṙatshaza kwamapiko, elipesheya kwemilambo yase‐Tiyopiya;

2elitumayo izigidimi ngolwandle, nangemikombe yengcongolo pezu kwobuso bamanzi! Hambani, zitunywa ezinamendu! niye kuso isizwe esicitekileyo esobukileyo, kubo abantu aboyikekileyo kwa sekuqaleni kwada kwakaloku; isizwe samandla amakulu nesokunyatela, esilizwe imilambo ilicandayo.

3Nonke nina bemi belizwe, nabahleli emhlabeni! nxa kupakanyiswa ibanile ezintabeni, kangelani; nanxa kuvutelwa ngexilongo, pulapulani.

4Ngokuba uyehova etshilo kum ukuti: Ndiya kuti tu, ndibonele ndisendaweni yam yokuhlala; kungaba njengokufudumala okusileyo ekukanyeni kwelanga, njengelifu lombete ekufudumaleni kwexesha lokuvuna;

5koko lingekabiko ixesha lokuvuna, nxa umqumbi selubonxile, nanxa idreyive emuncu ivutwa entyatyambeni, uya kunqumla intswazi ngezitshetshe zokusika, namagatya wowasusa, wowagaula.

6Ziya kushiyelwa ndawonye kwintakakazi zentaba, nakwizilo zomhlaba; intakakazi ziya kulenza ihlobo pezu kwazo, nazo zonke izilo zomhlaba zobenza ubusika pezu kwazo.

7Ngeloxesha kwoziswa umnikelo kuyehova wemikosi, uvela kubo abantu abacitekileyo abobukileyo, kwa kubo abantu aboyikekileyo ekuqaleni kwada kwakaloku; isizwe samandla amakulu nesokunyatela, esilizwe imilambo ilicandayo; woziswa endaweni yegama likayehova wemikosi, entabeni ye‐Ziyone.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help