Amaculo 115 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO CXV.

1MAKUNGABI kuti, Yehova! makungabi kuti, makube kwigama lako ekunikelwa ubungcwalisa, ngenxa yobubele bako, nangenxa yenyaniso yako.

2Yinina ukuba abaheyideni babe nokuti: Upina ke utixo wabo?

3Kodwa utixo wetu usezulwini: konke akutandayo uyakwenza.

4Izitixo zabo zezesilivere negolide, umsebenzi wezandla zabantu.

5Zinemilomo, kanti aziteti; zinamehlo, kanti aziboni;

6zinendlebe, kanti aziva; zinempumlo, kanti azijoji;

7zinezandla, kanti azipati; zinenyawo, kanti azihambi; azivakalisi ngomqala wazo.

8Abo bazenzayo bayafana nazo; nabo bonke abatembela kuzo.

9Sirayeli! tembela kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo.

10Ndlu ka‐Arone! tembelani kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo.

11Nina bamoyikayo uyehova! tembelani kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo.

12 Uyehova usikumbule; uya kutamsanqelisa: uya kutamsanqelisa indlu ka‐Sirayeli; uya kutamsanqelisa indlu ka‐Arone.

13Uya kutamsanqelisa abamoyikayo uyehova, kwa abancinane nabakulu.

14Uyehova uya kwongezelela pezu kwenu; pezu kwenu napezu kwabantwana benu.

15Ningabatanyusanqelweyo nguyehova, owenzayo izulu nomhlaba.

16Okwezulu, izulu le likayehova; kodwa umhlaba uwunikile konyana babantu.

17Abafileyo abadumisi uyehova, kwa nabo bonke abehlele ekutini cwaka.

18Kodwa tina siya kubonga uyehova, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade. — Dumisani uyehova!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help