1MAKUNGABI kuti, Yehova! makungabi kuti, makube kwigama lako ekunikelwa ubungcwalisa, ngenxa yobubele bako, nangenxa yenyaniso yako.
2Yinina ukuba abaheyideni babe nokuti: Upina ke utixo wabo?
3Kodwa utixo wetu usezulwini: konke akutandayo uyakwenza.
4Izitixo zabo zezesilivere negolide, umsebenzi wezandla zabantu.
5Zinemilomo, kanti aziteti; zinamehlo, kanti aziboni;
6zinendlebe, kanti aziva; zinempumlo, kanti azijoji;
7zinezandla, kanti azipati; zinenyawo, kanti azihambi; azivakalisi ngomqala wazo.
8Abo bazenzayo bayafana nazo; nabo bonke abatembela kuzo.
9Sirayeli! tembela kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo.
10Ndlu ka‐Arone! tembelani kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo.
11Nina bamoyikayo uyehova! tembelani kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo.
12 Uyehova usikumbule; uya kutamsanqelisa: uya kutamsanqelisa indlu ka‐Sirayeli; uya kutamsanqelisa indlu ka‐Arone.
13Uya kutamsanqelisa abamoyikayo uyehova, kwa abancinane nabakulu.
14Uyehova uya kwongezelela pezu kwenu; pezu kwenu napezu kwabantwana benu.
15Ningabatanyusanqelweyo nguyehova, owenzayo izulu nomhlaba.
16Okwezulu, izulu le likayehova; kodwa umhlaba uwunikile konyana babantu.
17Abafileyo abadumisi uyehova, kwa nabo bonke abehlele ekutini cwaka.
18Kodwa tina siya kubonga uyehova, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade. — Dumisani uyehova!
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.