U‐Zekariya 13 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Ngomhla lowo umtombo wovulelwa indlu ka‐Davide, nabemi base‐Yerusaleme, ngenxa yesono nangenxa yokunco̔la.

2Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi, ndowanqamla amagama ezitixo elizweni; akasayi kuba sakunjulwa: kanjalo abaprofite nomoya onco̔lileyo ndiya kubemkisa elizweni.

3Kwakuya kuti, nxa kusaprofitesha umntu, baya kwandula uyise wake nonina wake abamzalayo bati kuye: Akuyi kudla ubomi; ngokuba uteta ubuxoki egameni likayehova: kanjako uyise wake nonina wake abamzalayo baya kumhlaba nxa aprofiteshayo.

4Kwakuya kuti ngomhla lowo, abaprofite baya kudana, abanye ngabanye ngenxa yomboniso wabo, nxa baprofiteshayo; baye bengayi kuyambata ingubo yoboya ukuze baxokise.

5Kodwa uya kuti: Andinguye umprofite, ndingolimayo umhlaba mna; ngokuba ndikonzisiwe ngabantu kuselokwa sebutsheni bam.

6Kwakuya kutiwa kuye: Ayinina amanxeba la ezandleni zako? Waeya kuti: Ngalawo bendilinyazwa ngawo endlwini yezihlobo zam.

7VUKA, siṙele! ngakuye umalusi wam, nangakuyo indoda elikolwane lam, utsho uyehova wemikosi: beta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha; kodwa ndiya kubuyisela isandla sam ngakuzo ezincinane.

8Kwakuya kuti kulo lonke ilizwe, utsho uyehova, zonqanyulwa izahlulo zibini ezikulo, zibube ke; kodwa isahlulo sesitatu siya kusala kulo.

9Ndandiya kungenisa esesitatu isahlulo emlilweni, ndibacokise njengokuba icokiswa isilivere, ndibalinge njengokuba ilingwa igolide; sona siya kubiza egameni lam, nam ndiya kusipulapula; ndoti mna: Singabantu bam; soti sona: Uyehova ngutixo wam.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help