1Ngomhla lowo umtombo wovulelwa indlu ka‐Davide, nabemi base‐Yerusaleme, ngenxa yesono nangenxa yokunco̔la.
2Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi, ndowanqamla amagama ezitixo elizweni; akasayi kuba sakunjulwa: kanjalo abaprofite nomoya onco̔lileyo ndiya kubemkisa elizweni.
3Kwakuya kuti, nxa kusaprofitesha umntu, baya kwandula uyise wake nonina wake abamzalayo bati kuye: Akuyi kudla ubomi; ngokuba uteta ubuxoki egameni likayehova: kanjako uyise wake nonina wake abamzalayo baya kumhlaba nxa aprofiteshayo.
4Kwakuya kuti ngomhla lowo, abaprofite baya kudana, abanye ngabanye ngenxa yomboniso wabo, nxa baprofiteshayo; baye bengayi kuyambata ingubo yoboya ukuze baxokise.
5Kodwa uya kuti: Andinguye umprofite, ndingolimayo umhlaba mna; ngokuba ndikonzisiwe ngabantu kuselokwa sebutsheni bam.
6Kwakuya kutiwa kuye: Ayinina amanxeba la ezandleni zako? Waeya kuti: Ngalawo bendilinyazwa ngawo endlwini yezihlobo zam.
7VUKA, siṙele! ngakuye umalusi wam, nangakuyo indoda elikolwane lam, utsho uyehova wemikosi: beta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha; kodwa ndiya kubuyisela isandla sam ngakuzo ezincinane.
8Kwakuya kuti kulo lonke ilizwe, utsho uyehova, zonqanyulwa izahlulo zibini ezikulo, zibube ke; kodwa isahlulo sesitatu siya kusala kulo.
9Ndandiya kungenisa esesitatu isahlulo emlilweni, ndibacokise njengokuba icokiswa isilivere, ndibalinge njengokuba ilingwa igolide; sona siya kubiza egameni lam, nam ndiya kusipulapula; ndoti mna: Singabantu bam; soti sona: Uyehova ngutixo wam.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.