1TOBA indlebe yako, Yehova! undive; ngokuba ndilihlwempu, ndingosweleyo mna.
2Gcina umpefumlo wam; ngokuba ndiyingcwele: Tixo wam! sindisa isicaka sako esitembela kuwe.
3Yiba nofefe kum, Nkosi! ngokuba ndibizela kuwe imini yonke.
4Vuyisa umpefumlo wesicaka sako; ngokuba ndifunqulela kuwe umpefumlo wam.
5Ngokuba wena, Nkosi! ulungile, unokuxolela; unobubele obuninzi kubo bonke ababizela kuwe.
6 Yehova! nika indlebe emtandazweni wam; upulapule ilizwi lezikungo zam.
7Ngemini yobunzima bam ndobizela kuwe: ngokuba uya kundipendula.
8Pakati kwotixo akuko onjengawe, Nkosi! akuko nefana nemisebenzi yako.
9Zonke izizwe ozenzileyo zoza zibedeshe pambi kwako, Nkosi! zidumise igama lako.
10Ngokuba wena umkulu, uyenza imimangaliso; ungutixo wedwa.
11Ndifundise indlela yako, Yehova! ndiya kuhamba enyanisweni yako: yenza nye intliziyo yam ukwoyika igama lako.
12Ndobulela kuwe, Nkosi, Tixo wam! ngentliziyo yam yonke; ndiya kudumisa igama lako kude kube ngunapakade.
13Ngokuba ububele bako bukulu ngakum; uwuhlangule umpefumlo wam ehadesi engapantsi kanye.
14 Tixo! abaner̔atshi basukele ngakum, nentlanganiso yababandezeli ifunile umpefumlo wam: abakubekanga pambi kwabo.
15Kodwa wena, Nkosi! ungutixo onenceba nofefe, uqumba kade, unobuninzi bobubele nenyaniso.
16Beka kum, undipate ngofefe: nika isicaka sako amandla ako, usindise unyana wesicakakazi sako.
17Maundenzele umqondiso wokulungileyo, baze abo banditiyayo babone, badane; ngokuba wena, Yehova! undincedile, wandonwabisa.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.