1NDOVUMA ngobubele nangobugwebo; kwa kuwe, Yehova! ndiya kucula.
2Ndowenza ngobulumko endleleni elungileyo. Woza ninina kum? Ndohamba ngobunene bentliziyo yam pakati kwendlu yam.
3Into yobunginingini andiyi kuyibeka pambi kwamehlo am: ukwenza kwabapambukayo ndiyakutiya; akuyi kunamatela kum.
4Intliziyo egwenxa iya kumka kum; okohlakeleyo andiyi kumazi.
5Ohleba ummelwane wake ngasese, oyena ndiya kumtshabalalisa; omehlo ar̔atshileyo nontliziyo ikukumeleyo, lowo andiyi kumvuma.
6Amehlo am oba pezu kwabanyanisekileyo belizwe, ukuze bahlale nam; ohamba endleleni elungileyo, nguye oya kundikonza.
7Owenza ngenkohliso akayi kuhlala pakati kwendlu yam; oteta ubuxoki akayi kuma pambi kwamehlo am.
8Kwa kusasa ndotshabalalisa bonke abakohlakeleyo belizwe; ndize ndinqamle bonke abenzi bokungalungileyo esixekweni sikayehova.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.