1 KAULEZA, Tixo! ukuza kundikulula; kauleza, Yehova! ukuza kundisiza.
2Mabadaniswe bamatiswe abo bafuna ubomi bam: mabanqandelwe ngomva, baviswe ihlazo, abo batanda ukwenzakala kwam.
3Mababuye, ube ngumvuzo wehlazo labo, abo bati: Tshotsho! Tshotsho!
4Mabati bonke abo bafuna wena bagcobe bavuye ngawe; mabati abo batanda usindiso lwako bahlale besiti: Makenziwe mkulu utixo.
5Kodwa mna ndilihlwempu, ndingosweleyo; yiza kum kamsinya, Tixo! wena ungumncedi wam nomkululi wam; zungalibali, Yehova!
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.