U‐Jeremiya 47 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1ILIZWI likayehova elezayo ku‐Jeremiya umprofite ngawo ama‐Filistiya, engekabeti i‐Gaza u‐Faro.

2Utsho uyehova ukuti:

Bona ke, amanzi ayanyuka enode, aya kuba ngumsinga okukulayo, akukulele ilizwe nokuzala kwalo, isixeko nabahlala kuso; bade bakale abantu, balile bonke abemi belizwe,

3ngenxa yentlokoma yokungqisha kwempupu zamahashe ake anamandla, ngenxa yokuti qaka kwenqwelo zake, yokugunguza kwevili zake: oyise abajikeli kubo abantwana ngokupolelwa kwezandla;

4ngenxa yomhla ozayo ukucitakalisa onke ama‐Filistiya, ukunqamlela i‐Tire ne‐Tsidone bonke abancedi abaseleyo; ngokuba uyehova eya kucitakalisa ama‐Filistiya, isisalela sabesiqiti se‐Kafetori.

5Ubunqai buze pezu kwe‐Gaza; i‐Ashekelone ibujisiwe, kunye nesisalela sabomhlambo wabo: kude kube ninina uya kuziqapula?

6Au, siṙele sikayehova! kude kube ninina ungayi kulala? zifake esinxobeni sako; pumla, uti tu.

7Ungati nina ukulala? ngokuba uyehova esiyalezele ngakuyo i‐Ashekelone, nangakulo unxweme lwolwandle; usinqopisele kwa kona.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help