1ILIZWI likayehova elezayo ku‐Jeremiya umprofite ngawo ama‐Filistiya, engekabeti i‐Gaza u‐Faro.
2Utsho uyehova ukuti:
Bona ke, amanzi ayanyuka enode, aya kuba ngumsinga okukulayo, akukulele ilizwe nokuzala kwalo, isixeko nabahlala kuso; bade bakale abantu, balile bonke abemi belizwe,
3ngenxa yentlokoma yokungqisha kwempupu zamahashe ake anamandla, ngenxa yokuti qaka kwenqwelo zake, yokugunguza kwevili zake: oyise abajikeli kubo abantwana ngokupolelwa kwezandla;
4ngenxa yomhla ozayo ukucitakalisa onke ama‐Filistiya, ukunqamlela i‐Tire ne‐Tsidone bonke abancedi abaseleyo; ngokuba uyehova eya kucitakalisa ama‐Filistiya, isisalela sabesiqiti se‐Kafetori.
5Ubunqai buze pezu kwe‐Gaza; i‐Ashekelone ibujisiwe, kunye nesisalela sabomhlambo wabo: kude kube ninina uya kuziqapula?
6Au, siṙele sikayehova! kude kube ninina ungayi kulala? zifake esinxobeni sako; pumla, uti tu.
7Ungati nina ukulala? ngokuba uyehova esiyalezele ngakuyo i‐Ashekelone, nangakulo unxweme lwolwandle; usinqopisele kwa kona.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.