Amaculo 8 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO VIII.Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngegititi.

1YEHOVA, Nkosi yetu! hai ubungcwalisa begama lako emhlabeni wonke! wena ububekileyo pezu kwezulu ubukulu bako.

2Kwa semlonyeni wentsana nabanyayo umsile udumiso, ngenxa yabalane bako, ukuze upezise utshaba nopindezelayo.

3Ndindakukangela izulu lako, umsebenzi weminwe yako, inyanga nenkwenkwezi ozilungisileyo;

4uyinina umntu, lento umkumbulayo? kwa nonyana woluntu, lento umnonelelayo?

5Ngokuba umenzile abe ngapantsi kancinane kuzo ingelosi; umpahlile ngobungcwalisa nangodumo.

6Umpatisile ubukosi pezu kwemisebenzi yezandla zako; zonke izinto uzibekile pantsi kwenyawo zake:

7igusha nenkabi zonke; kwa nezilo zezindle;

8intaka zezulu, nentlanzi zolwandle; nento edlulayo ezindleleni zolwandle.

9 Yehova, Nkosi yetu! hai ubungcwalisa begama lako emhlabeni wonke!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help