U‐Jeremiya 45 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1ILIZWI owalitetayo u‐Jeremiya umprofite ku‐Baruke unyana ka‐Neriya, akuba ebeba̔lile lamazwi encwadini ngomlomo ka‐Jeremiya, ngomnyaka wesine ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, lisiti:

2Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngawe, Baruke! ukuti:

3Ubusiti: Hai ke ubunzima bam! ngokuba uyehova elwongezile usizi ebuhlungwini bam; ndidiniwe kukugula kwam, nokupumla andikufumani.

4Uya kutsho kuye ukuti: Uyehova utsho ukuti: Bona ke, oko ndikwakileyo ndokucita, noko ndikutyalileyo ndokudonyula, kwa lonke elilizwe.

5Uze wena uzifunele na izinto ezinkulu? Zungazifuni; ngokuba, bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwoluntu lwonke, utsho uyehova; kodwa ubomi bako ndobunika kuwe bube lixoba kuzo zonke indawo apo uya kona.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help