Amaculo 2 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO II.

1YININA ukuba abaheyideni benze imbutumbutu? Yinina ukuba intlanga zicinge okungendawo?

2Okumkani bomhlaba bayazimisa, nenkosi ziyacebana ndawonye, ngakuye uyehova, nangakuye umtanjiswa wake, besiti:

3Masiziqaule izinxibo zabo; masizilahle kuti intambo zabo.

4Ohleliyo ezulwini uya kubahleka: inkosi iya kubadela:

5yandule ukuteta kubo ngengqumbo yayo, ibatuse ngomsindo wayo oshushu.

6Ukumkani wam ndimtambisile noko pezu kwe‐Ziyone, kwentaba yam eyingcwele.

7Ndoshumayela ummiso ke. Wati uyehova kum: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje.

8Cela kum, ndandiya kunika abaheyideni babe lilifa lako, nezipelo zomhlaba zibe yimfuyo yako.

9Uya kubapula ngentonga yesincete, ubaqe̔keze njengembiza yombumbi.

10Ngako kaloku, bokumkani! yenzani ngokuqonda; yalekani, bagwebi bomhlaba!

11Konzani uyehova ngokwoyika, nivuye ngengcangcazelo.

12Yangani unyana, hleze aqumbe, nibube endleleni; ngokuba iya kuhla ivute ingqumbo yake. Banetamsanqa bonke abatemba yena!

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help