1TIXO! ungutixo wam; ndokufuna kusasa; umpefumlo wam unxanelwe wena, inyama yam ikulangazelele ezweni elomileyo nelidiniweyo, apo kungeko manzi;
2ndize ndibone amandla ako nobungcwalisa bako, njengokuba ndikubonile endaweni eyingcwele.
3Ngokuba ububele bako bulungile pezu kwokudliwa kwobomi, umlomo wam wokuncoma.
4Ndiya kukubonga ngokunjalo nxa ndisadla ubomi; ndiya kupakamisa izandla zam egameni lako.
5Uya kukoliswa umpefumlo wam njengokungati kungomongo namanqata; nomlomo wam wokudumisa ngenteto yemigcobo;
6nxa ndikumbula wena esililini sam, nxa ndicinga wena emavaṙashweni asebusuku.
7Ubungumncedi wam nje, ndovuya ngoko emtunzini wamapiko ako.
8Umpefumlo wam uti nama ukulandela wena; isandla sako sokunene siyandixasa.
9Kodwa abo bafuna ubomi bam babang’ ukutshatyalaliswa; baya kungena emazantsi omhlaba.
10Baya kweyeliselwa ngamandla eṙele; boba sisabelwa sempungutye.
11Kodwa ukumkani uya kuvuya kutixo; abo bonke bamfungayo boqa̔yisa; kodwa umlomo wabo bateta ubuxoki wovingcelwa.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.