Eyesibini ka‐Samyali 23 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1NANGA amazwi okugqibela ka‐Davide: watsho u‐Davide unyana ka‐Jese, yatsho indoda ebipakanyiswa pezulu, umtanjiswa wotixo ka‐Yakobi, nomculi omnandi wakwa‐Sirayeli, ukuti:

2 Umoya kayehova wateta ngam, nelizwi lake belipezu kwolwimi lwam.

3Wati utixo wo‐Sirayeli, — olilityekazi lo‐Sirayeli wateta kum, esiti: Kwobako umpati pezu kwabantu olungileyo, umpati emoyika utixo;

4oya kuba njengokukanya kwokusa, lakupuma ilanga, njengokwokusa okungenamafu, njengenca eluhlaza ipuma emhlabeni ngokukazimla emva kwemvula.

5Nakuba indlu yam ingenjalo kutixo, undimisele ucebano olungunapakade noko, olulungiselelweyo ngento zonke, oluqinisiweyo; ngokuba engayi kuluhlumisa ngenyaniso na lwonke usindiswa lwam, nalo lwonke unqwenelo lwam?

6Kodwa abalusapo lwobunginingini bona bonke boba njengameva asunduzwayo, ngokuba engenako ukutatyatwa ngezandla;

7nosukuba eya kuwapata, wonqatyiswa ngentsimbi nangoluti lwentshuntshe; aeya kutshiswa kanye ngomlilo endaweni yawo.

8NANGA amagama amagoṙa u‐Davide abenawo: u‐Yoshebe‐bashebete um‐Tahakemoni, intloko yenjengele; nguye u‐Hadino um‐Hetsene: yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu asibozo abahlatyiweyo nguye ngexesha linye.

9Kwaye kuko emva kwake u‐Elezari, unyana ka‐Dodo, unyana wom‐Ahoha; ebepakati kwawo amagoṙa amatatu ndawonye no‐Davide, akuba ebegxeka ama‐Filistiya abebutene kona ukulwa, nxa amadoda akwa Sirayeli abenyukile:

10wesuka yena, wabulala ama‐Filistiya sada sadinwa isandla sake, sati nama isandla sake eṙeleni: waza uyehova wenza usindiso olukulu ngalomhla; bati abantu babuyela emva kwake ngenxa yokupanga kupela.

11Kwaye kuko emva kwake u‐Shama, unyana ka‐Age, um‐Harari. Kekaloku ama‐Filistiya ebebutene abe libandla, apo bekuko kona isahlulo somhlaba sizele zilentile; baza abantu besaba ebusweni bama‐Filistiya.

12Kodwa wazimisa pakati kwentsimi leyo, wayilondoloza, wawabulala ama‐Filistiya: waza uyehova wenza usindiso olukulu.

13Kwaye kusihla abatatu bakubo abamashumi matatu abazintloko, beza ku‐Davide ngexesha lokuvuna emqolombeni we‐Hadulame; lati ibandla lama‐Filistiya lati waca emhlanjeni wama‐Rafa.

14Waye u‐Davide oko ebesenqatyeni, nelali yama‐Filistiya ibiko oko e‐Beteleheme.

15Waza u‐Davide walangazelela, wati: Akwaba bendinokusezwa amanzi equleni lase‐Beteleheme, elisesangweni!

16Asuka lamagoṙa matatu atyoboza emkosini wama‐Filistiya, aka amanzi equleni lase‐Beteleheme, elisesangweni, awatwala, awazisa ku‐Davide: koko u‐Davide ebengavumi ukuwasela, kodwa wawatululela kuyehova,

17wati: Makube lé kum, Yehova! ukuba ndiyenze lento; ndiya kusela igazi lalamadoda na, abehamba ngokubuncama ubomi bawo? ngako ebengavumi ukuwasela. Ezizinto azenza lawomagoṙa matatu.

18Kanjalo u‐Abishai, umninawe ka‐Jowabi, unyana ka‐Tseruya, ebeyintloko yabatatu: yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu matatu abahlatyiweyo nguye, waza wanegama pakati kwabatatu abo.

19Kubo abatatu abo asi nguye na obekekileyo? ngako waba yinkosi yabo; kodwa akafikelela kwabatatu bokuqala.

20No‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, unyana wendoda ebuṙoti, obemkulu ngezenzo, owase‐Kabetsele, yena wabulala amadoda mabini abungonyamaṙa ase‐Mowabi: kanjako wehla wabulala ingonyama pakati kwomnxuma ngomhla wengqele:

21wabulala nendoda engum‐Jipete, indoda enomkita; nasesandleni som‐Jipete lowo ibiko intshuntshe; koko wehlela kuye ngentonga, wayityutula intshuntshe esandleni som‐Jipete, wambulala ngeyake intshuntshe.

22Ezizinto wazenza u‐Benaya unyana ka‐Yoyada, waza wanegama pakati kwalawomagoṙa matatu.

23Pakati kwabo abamashumi matatu ebebekekile; kodwa akafikelela kwabatatu bokuqala. Wati u‐Davide wammisa pezu kwomlisela wake.

24U‐Hasaheli umninawe ka‐Jowabi ebepakati kwabo abamashumi matatu; u‐Lehanane unyana ka‐Dodo, um‐Beteleheme;

25u‐Shama, um‐Harodi; u‐Elika, um‐Harodi;

26u‐Heletse, um‐Paliti; u‐Hira unyana ka‐Hikeshe, um‐Tekoha;

27u‐Abihezere, um‐Hanatote; u‐Mebunai, um‐Husha;

28u‐Tsalimone, um‐Ahoha; u‐Maharai, um‐Netofati;

29u‐Helebe unyana ka‐Bahana, um‐Netofati; u‐Yitai unyana ka‐Ribai, owase‐Gibeha yosapo luka‐Benjamine;

30u‐Benaya, um‐Piratone; u‐Hidai, owasezintilini zase‐Gahashe;

31u‐Abi‐halibone, um‐Haraba; u‐Hazamaveti, um‐Bahurime;

32u‐Eliyaba, um‐Shahalaboni; kubo onyana baka‐Yashene, u‐Jonatane;

33u‐Shama, um‐Harari; u‐Ahiyame unyana ka‐Sharare, um‐Harari;

34u‐Elifelete unyana ka‐Ahasebai, unyana wom‐Mahaka; u‐Eliyame unyana ka‐Ahitofele, um‐Gilo;

35u‐Hetserai, um‐Karamele; u‐Parai, um‐Areba;

36u‐Yigali unyana ka‐Natane, owase‐Tsoba; u‐Bani, um‐Gadi;

37u‐Tseleki, um‐Hamoni; u‐Naharai, um‐Berote, umtwali wezixo̔bo ku‐Jowabi unyana ka‐Tseruya;

38u‐Hira, um‐Yetere; u‐Garebi, um‐Yetere;

39u‐Huriya, um‐Hete: bonke bangamashumi matatu anesixe̔nxe.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help