U‐Jobi 9 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:

2Ngenyaniso ndiyakwazi ukuba kunjalo: kodwa angati nina umntu ukuba nokulunga pambi kwotixo?

3Ukuba ebetanda ukupika naye, akangempendulele nto noko inye kweziliwaka.

4Ulumkile ngentliziyo, womelele ngamandla: ngubanina oke wazenza lukuni ngakuye, waza watamsanqeleka?

5Okwelelisayo intaba, zingazi zona; ozipenulayo ngomsindo wake;

6ongcangcazelisa umhlaba usuke endaweni yawo, ziti intsika zawo zididize;

7otetayo elangeni, lingapumi ke; ozincamatisela nenkwenkwezi;

8otwabululayo amazulu yena yedwa, anyatele pezu kwamapezulu olwandle;

9owenzayo u‐Bere, no‐Oriyone, nesilimela, nenkambili zasesuyide;

10owenzayo izinto ezinkulu, ezingenakupengululwa; nemimangaliso, engenakubalwa.

11Bona ke, uyadlula ngakum, kanti andimboni; uyagqita nokugqita, kanti andimqiqi.

12Bona ke, uti ṙintyi; ngubanina ongamnqandayo? ngubanina oya kutsho kuye ukuti: Wenza nto nina?

13Utixo akayi kusonga ingqumbo yake; bayatoba ngapantsi kwayo abancedi abaner̔atshi.

14Kukancinane kangakananina ngakumbi endiya kumpendula mna, ndikete amazwi am ngakuye?

15Lowo, nakuba bendilungileyo, ngendingampenduli; kuye umgwebi wam ngenditaṙuzisa.

16Ukuba bendibizile, waza wandipendula, ngendingakolwa ukuba wolibekela indlebe ilizwi lam:

17ngokuba endityumza ngoqwitela, ewandisa amanxeba am kungeko tuba.

18Akandivumeli ndipinde ukupefumla kwam, koko endihlutisa ngezinto eziṙaṙa.

19Ukuba kutetwa ngamandla, bona ke, unamandla yena; ukuba kutetwa ngokumema, ngubanina oya kundimisela ixesha?

20Ukuba nditi ndilungile, owam umlomo wondigweba; ukuba nditi ndifezekile, wobonisa ukuba ndinobugwenxa.

21Nakuba bendifezekile, ngendingawazi umpefumlo wam; ngendidela ubomi bam.

22Inye into le, kungoko enditshilo: ofezekileyo nokohlakeleyo uyabapelisa.

23Nxa isibeto sibaqa ukubulala, uyahleka ilingwa labangenatyala.

24Umhlaba uyanikwa esandleni sokohlakeleyo; ubuso babagwebi bawo uyabugqubutela; ukuba akunjalo, ungubanina pofu?

25Imihla yam igqitisile isigidimi ngokubaleka: isabile; ayibonanga ubutamsanqa:

26igqitile njengemikombe yengcongolo; njengokozi lubalekela kwinto yokutya.

27Ukuba nditi: Ndiya kulibala isikalazo sam, ndoshiya usizi lwam, ndizomeleze;

28ndiyoyika zonke intlungu zam: ndiyazi ukuba akuyi kundigwebela:

29ndoba netyala: kunganina ke ukuba ndifumane ndizama?

30Ukuba bendizihlambile ngamanzi engqweqwe, ndenza mhlope izandla zam ngesepe;

31oko ubuya kundintywilisa emnxunyeni; ziti izivato zam zinditiye.

32Ngokuba engenguye umntu, njengam, endingampendulayo, singene kunye ekugwebeni.

33Akuko mlamli pakati kwetu, ukuba abeke isandla sake pezu kwetu sobabini.

34Makasuse kum intonga yake, nesoyikeko sake masinganditusi:

35ngenditeta, ndingamoyiki: ngokuba ndingenjalo mna pakati kwam.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help