1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Ngenyaniso ndiyakwazi ukuba kunjalo: kodwa angati nina umntu ukuba nokulunga pambi kwotixo?
3Ukuba ebetanda ukupika naye, akangempendulele nto noko inye kweziliwaka.
4Ulumkile ngentliziyo, womelele ngamandla: ngubanina oke wazenza lukuni ngakuye, waza watamsanqeleka?
5Okwelelisayo intaba, zingazi zona; ozipenulayo ngomsindo wake;
6ongcangcazelisa umhlaba usuke endaweni yawo, ziti intsika zawo zididize;
7otetayo elangeni, lingapumi ke; ozincamatisela nenkwenkwezi;
8otwabululayo amazulu yena yedwa, anyatele pezu kwamapezulu olwandle;
9owenzayo u‐Bere, no‐Oriyone, nesilimela, nenkambili zasesuyide;
10owenzayo izinto ezinkulu, ezingenakupengululwa; nemimangaliso, engenakubalwa.
11Bona ke, uyadlula ngakum, kanti andimboni; uyagqita nokugqita, kanti andimqiqi.
12Bona ke, uti ṙintyi; ngubanina ongamnqandayo? ngubanina oya kutsho kuye ukuti: Wenza nto nina?
13Utixo akayi kusonga ingqumbo yake; bayatoba ngapantsi kwayo abancedi abaner̔atshi.
14Kukancinane kangakananina ngakumbi endiya kumpendula mna, ndikete amazwi am ngakuye?
15Lowo, nakuba bendilungileyo, ngendingampenduli; kuye umgwebi wam ngenditaṙuzisa.
16Ukuba bendibizile, waza wandipendula, ngendingakolwa ukuba wolibekela indlebe ilizwi lam:
17ngokuba endityumza ngoqwitela, ewandisa amanxeba am kungeko tuba.
18Akandivumeli ndipinde ukupefumla kwam, koko endihlutisa ngezinto eziṙaṙa.
19Ukuba kutetwa ngamandla, bona ke, unamandla yena; ukuba kutetwa ngokumema, ngubanina oya kundimisela ixesha?
20Ukuba nditi ndilungile, owam umlomo wondigweba; ukuba nditi ndifezekile, wobonisa ukuba ndinobugwenxa.
21Nakuba bendifezekile, ngendingawazi umpefumlo wam; ngendidela ubomi bam.
22Inye into le, kungoko enditshilo: ofezekileyo nokohlakeleyo uyabapelisa.
23Nxa isibeto sibaqa ukubulala, uyahleka ilingwa labangenatyala.
24Umhlaba uyanikwa esandleni sokohlakeleyo; ubuso babagwebi bawo uyabugqubutela; ukuba akunjalo, ungubanina pofu?
25Imihla yam igqitisile isigidimi ngokubaleka: isabile; ayibonanga ubutamsanqa:
26igqitile njengemikombe yengcongolo; njengokozi lubalekela kwinto yokutya.
27Ukuba nditi: Ndiya kulibala isikalazo sam, ndoshiya usizi lwam, ndizomeleze;
28ndiyoyika zonke intlungu zam: ndiyazi ukuba akuyi kundigwebela:
29ndoba netyala: kunganina ke ukuba ndifumane ndizama?
30Ukuba bendizihlambile ngamanzi engqweqwe, ndenza mhlope izandla zam ngesepe;
31oko ubuya kundintywilisa emnxunyeni; ziti izivato zam zinditiye.
32Ngokuba engenguye umntu, njengam, endingampendulayo, singene kunye ekugwebeni.
33Akuko mlamli pakati kwetu, ukuba abeke isandla sake pezu kwetu sobabini.
34Makasuse kum intonga yake, nesoyikeko sake masinganditusi:
35ngenditeta, ndingamoyiki: ngokuba ndingenjalo mna pakati kwam.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.