1Umoya wam wonakele, imihla yam inqamkile, amancw̔aba andihlalele.
2Asi ngabahleki abanam na? nasekucapukiseni kwabo alihlali iliso lam na?
3Kaubeke pantsi ke, ube ngumbambiseli wam pambi kwako; ngubanina lowo oya kubambana nam izandla?
4Ngokuba intliziyo yabo uyifihlile engqondweni; ngako oko akuyi kubapakamisa.
5Okilayo izihlobo zipangwe, kwa namehlo abantwana bake aya kupela.
6Kanti undimisile ndibe lilizwi lokuhlekisa pakati kwabantu; ndide ndaba ngotshicelwa ebusweni.
7Liluzizi iliso lam ngenxa yenkatazo, namalungu am anjengesitunzi wona onke.
8Boti nqa abalungisayo pezu kwoku; nongenatyala uya kuvuka ngakuye umginwa.
9Woti olungileyo abambe indlela yake, nozandla zimhlope andise amandla.
10Kodwa nina nonke, manibuye nize ke: ngokuba ndingafumani pakati kwenu olumkileyo.
11Imihla yam idlulile, amaqinga am akumkile, — izazelelelo zentliziyo yam.
12Bayabeka ubusuku esikundleni semini; ukukanya kukufupi, kuvela ebumnyameni.
13Ukuba ndiya kutemba, incw̔aba liyindlu yam; ndandlele uku̔ko lwam ebumnyameni.
14Ndibizile ekuboleni ngokuti: Ungubawo wena; nasempetwini ngokuti: Unguma̔ nodade wam.
15Lipina pofu kaloku itemba lam? he, itemba lam liya kubonwa ngubanina?
16Liya kuhlela emivalweni yencw̔aba, nxa kupunyulwa kunye elutulini.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.