Amaculo 41 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO XLI.Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.

1HAI itamsanqa lalowo unonelela olihlwempu! uyehova uya kumsindisa ngemini yobubi.

2Uyehova uya kumlondoloza, amgcine ehleli; uya kuba netamsanqa emhlabeni: kanjalo wena akuyi kumnikela enkanukweni yentshaba zake.

3Uyehova uya kumxasa pezu kwekoye yobulwelwe: wowuguqula wena wonke umandlalo wake esifeni sake.

4Ndati: Yehova! yiba nofefe kum; pilisa umpefumlo wam; ngokuba ndonile ngakuwe.

5Intshaba zam ziyateta kakubi ngam: Wofa ninina, lize libube igama lake?

6Nanxa utshaba luza kundibona, luteta ubuxoki; intliziyo yalo iyazibutela inkohlakalo; luti lwakupuma ngapandle luyitete ke.

7Bonke abanditiyayo bayasebezelana ngakum; ngakum ke bayaqingela ububi.

8Bati: Into yobunginingini iti nama kuye; elele nje, akayi kubuya avuke.

9Ewe, umntu obelikolwane lam, endibe nditemba yena, obesidla isonka sam, upakamisile isitende sake ngakum.

10Kodwa wena, Yehova! yiba nofefe kum, undimise, ndandiya kupindezela kubo.

11Ndiyazi ngoku ukuba uyanditanda, ngokuba utshaba lwam lungenakundivuyelela.

12Kanjalo okwam, uyandisekela ekunyaniseni kwam; uyandimisa ebusweni bako ngonapakade.

13Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, kwa kunapakade kude kube ngunapakade. Amene, ewe Amene.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help