Amaculo 10 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO X.

1KUNGANINA, Yehova! ukuba ume kude? kunganina ukuba uzimele ngamaxesha obunzima?

2Okohlakeleyo nger̔atshi uyatshutshisa ihlwempu. Mababanjwe kwa ngamaqinga abawaqingileyo.

3Ngokuba okohlakeleyo eqa̔yisa ngenkanuko yompefumlo wake; ubonga obawela inzuzo, edela uyehova.

4Okohlakeleyo, ngokuqanqalaza kwake, akayi kufuna u‐Tixo; onke amaqinga ake ati akuko tixo.

5Indlela zake ziqinile ngamaxesha onke; imigwebo yako ipezulu kude kuye; intshaba zake zonke uyazicekisa.

6Ute entliziyweni yake: Andiyi kushukunyiswa kwa napakade; ngokuba ndingeselishweni.

7Umlomo wake uzele kukutuka, nayinkohliso, nabubuqinga: pantsi kwolwimi lwake kuko ububi nenkohlakalo.

8Uhleli ezindaweni zokulalela zemizi; ezindaweni zangasese uyabulala ongenatyala; amehlo ake ayazifihlela olusizi.

9Uyalalela ngasese, njengengonyama eludadeni; uyalalela ukubamba ihlwempu; uyabamba ihlwempu akulir̔olela elutanjeni lwake.

10Uyazigoba, uyancatama, ukuba abalusizi bawe ngento zake zamandla.

11Ute entliziyweni yake: Utixo ulibele; ubufihlile ubuso bake; akasayi kuza abone.

12Vuka, Yehova! Tixo, pakamisa isandla sako! ungalibali ababandezelweyo.

13Yinina ukuba okohlakeleyo adele utixo? Ute entliziyweni yake: Akuyi kubuza.

14Ubonile noko; ngokuba wena ugqala ubunzima nenkatazo, ukuze upindezele ngesandla sako; olusizi uyazilahlela kuwe; ungumncedi wenkedama wena.

15Yapula ingalo yokohlakeleyo nongalungileyo: buza inkohlakalo yake ude ungabi sayifumana.

16 Uyehova ungukumkani kude kube ngunapakade: abaheyideni batshabalele elizweni lake.

17Inkanuko yabalulamileyo uyivile, Yehova! uya kulungisa intliziyo yabo; uya kubeka indlebe yako;

18ukuba ugwebele inkedama noncinezelweyo, aze umntu wasemhlabeni angabi sabatusa.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help