1Vuka, vuka, yambata amandla ako, Ziyone! yambata izivato zako ezihle, Yerusaleme, sixeko esingcwele! ngokuba kungasayi kubuya kungene kuwe ongalukileyo nonco̔lileyo.
2Zivutulule elutulini: suka, uhlale pantsi, Yerusaleme! zicumbulule ezinxityeni zentamo yako, wena ntombi etinjiweyo yase‐Ziyone!
3Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Nazitengisa kungeko nto; kanjalo niya kukululwa kungeko mali.
4Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Abantu bam behlela e‐Jipete ekuqaleni, ukuya kupambukela kona; wati um‐Asiriya ekupeleni wababandezela.
5Nakaloku, ndinanto nina apa, utsho uyehova, ukuba kususwe abantu bam kungeko nto? abapati babo bayakala, utsho uyehova; kufuti imihla yonke igama lam ligxekwa.
6Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngomhla lowo, ukuba ndinguye otetayo: nanku mna!
7Hai ukuba ntle kwazo pezu kwentaba inyawo zalowo ushumayelayo indaba ezimnandi, ovakalisayo uxolo, oshumayelayo okulungileyo, ovakalisayo usindiso, esiti kwi‐Ziyone: Utixo wako upete ubukumkani!
8Abalindi bako bopakamisa ilizwi; ngelizwi labo baya kuvuma kunye; ngokuba beya kubona iliso kwiliso, nxa uyehova aya kubuyisa i‐Ziyone.
9Gqabukani, nivume kunye, zindawo ezicitakeleyo ze‐Yerusaleme! ngokuba uyehova etutuzele abantu bake; ukulule i‐Yerusaleme.
10Uyehova uhlubile ingalo yake engcwele emehlweni azo zonke izizwe; nazo zonke izipelo zomhlaba ziya kubona usindiso lwotixo wetu.
11Mukani, mukani, pumani kwa kona; okunco̔lileyo ningakucukumisi; pumani pakati kwayo; yibani mhlope, nina enitweleyo impahla zikayehova!
12Ngokuba ningayi kupuma ngobunxamo, kanjalo aniyi kuya ngentsabo; ngokuba uyehova eya kuhamba pambi kwenu, utixo ka‐Sirayeli wonibuta ngasemva.
13BONA ke, isicaka sam siya kulungiseka; siya kwenzwa sikulu, siya kupakanyiswa, sobekwa pezulu kakulu.
14Njengokuba bekutele nqa abaninzi, (kwakunjalo ukwonakala kwokubonakala kwaso ngapezu kwokwomntu, nokwesimilo saso ngapezu kwesonyana babantu,)
15kwa njalo siya kufefa izizwe ezininzi: ngenxa yaso okumkani baya kuvingca imilomo yabo; ngokuba oko bebengakubaliselwanga bokubona; noko bebengakuvanga bokuqonda.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.