U‐Hezekile 12 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1KANJAKO ilizwi likayehova leza kum, lisiti:

2Nyana woluntu! uyahlala pakati kwayo indlu enenkani; abanamehlo okubona, kanti ababoni; abanendlebe zokuva, kanti abeva; ngokuba beyindlu enenkani bona.

3Ngako wena, nyana woluntu! zenzele impahla zokufuduka, uze ufuduke ngemini pambi kwamehlo abo; wauya kufuduka endaweni yako uye kwenye indawo pambi kwamehlo abo; kungati baya kugqala, nakuba beyindlu enenkani.

4Wauya kuku̔pa impahla zako njengempahla zokufuduka ngemini pambi kwamehlo abo; nawe uya kupuma ngokuhlwa pambi kwamehlo abo njengokupuma kwabafudukayo.

5Pambi kwamehlo abo zimbele eludongeni, upume nazo ngalo.

6Pambi kwamehlo abo zityate egxalabeni, upume nazo kwakuti ṙatya; ubuso bako wobugubungela, ukuba ungaboni umhlaba: ngokuba ndikwenzile umqondiso kuyo indlu ka‐Sirayeli.

7Ndenje njalo ke, njengokuba bendiyalelwe: impahla zam ndaziku̔pa njengempahla zokufuduka ngemini, nangokuhlwa ndazimbela eludongeni ngesandla sam; nxa kute ṙatya ndapuma nazo; pezu kwegxalaba ndazityata pambi kwamehlo abo.

8Laye lisiza ilizwi likayehova kum kwakusa, lisiti:

9Nyana woluntu! indlu ka‐Sirayeli, indlu enenkani, abatshongo na kuwe besiti: Wenza nto nina wena?

10Yiti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Lomgwebo ungayo inkosi e‐Yerusaleme, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli epakati kwabo.

11Yiti: Ndingumqondiso mna kuni; njengokuba ndenje njalo, kuya kwenziwa njalo kubo; ngokufuduswa nangokutinjwa baya kumka.

12Nenkosi epakati kwabo yona iya kutyata egxalabeni nxa kute ṙatya, ipume ke; baya kumba eludongeni, ukuba kupunyiswe ngalo; ubuso bayo yobugubungela, ukuze ingawuboni umhlaba ngamehlo.

13Notambo lwam ndolwaneka pezu kwayo, ize ibanjiswe emgibeni wam; ndandiya kuyizisa e‐Babilone, elizweni lama‐Kaledine; kodwa yona ayiyi kuyibona, noko iya kufela kona.

14Nabo bonke abayingqongayo incedwe, nawo onke amabandla ayo, ndobacitela kuyo yonke imimoya; neṙele ndolir̔olela emva kwabo.

15Babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, nxa ndibati sa pakati kwezizwe, nanxa ndibacita pakati kwamazwe.

16Koko ndiya kusalisa kubo intwana encinane yabantu eṙeleni, nasendlaleni, nasesifeni esibubisayo; ukuze bashumayele zonke izinto zabo ezibuntshontsho pakati kwabaheyideni apo bafika kona; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.

17Kanjako ilizwi likayehova leza kum, lisiti:

18Nyana woluntu! sitye isonka sako ngokututumela, namanzi ako uwasele ngokungcangcazela nangesitukutezi.

19Uze uti kubo abantu belizwe: Itsho inkosi e nguyehova ngabo abemi base‐Yerusaleme, nangalo ilizwe lakwa‐Sirayeli, ukuti: Isonka sabo baya kusitya ngesitukutezi, namanzi abo bowasela ngokuti nqa, ukuze ilizwe layo lihlutwe ukuzala kwalo, ngenxa yobudlwengu babo bonke abahleli kulo.

20Izixeko ezimiwayo ziya kwenzwa amanxuwa, nelizwe loba bugxwayiba; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.

21Labuya leza ilizwi likayehova kum, lisiti:

22Nyana woluntu! uyinto nina lomzekeliso eninawo elizweni lakwa‐Sirayeli, usiti: Imihla iyolulwa, nayo yonke imiboniso iti tshabalala?

23Ngako oko yiti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndiya kupelisa lomzekeliso, bade bangabuyi bazekelise ngawo kwa‐Sirayeli. Kodwa teta kubo, uti: Imihla ikufupi, nendawo yayo yonke imiboniso.

24Ngokuba kungasayi kuba seko namnye umboniso ongendawo, nokulaula okubutelezi, pakati kwendlu ka‐Sirayeli.

25Ngokuba mna Yehova ndiya kuteta elozwi endiya kuteta lona, laliya kufezwa; alisayi kulityaziswa; ngokuba kwa semihleni yenu, ndlu enenkani! ndiya kuliteta ilizwi, ndilifeze, itsho inkosi e nguyehova.

26Lalekela ilizwi likayehova leza kum, lisiti:

27Nyana woluntu! bona ke, indlu ka‐Sirayeli iti: Umboniso awubonayo ngowemihla emininzi; uyaprofitesha ngawo amaxesha akude.

28Ngako oko uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Akusayi kulityaziswa amazwi am nalinye; elozwi ndilitetayo, liya kufezwa ke, itsho inkosi e nguyehova.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help