1VUMANI Kuyehova iculo elitsha; vumani Kuyehova, mhlaba wonke!
2Vumani Kuyehova, bongani igama lake; shumayelani usindiso lwake ngemihla ngemihla.
3Balisani ubungcwalisa bake pakati kwabaheyideni, imimangaliso yake pakati kwezizwe zonke.
4Ngokuba uyehova emkulu, ulungel’ ukudunyiswa kakulu; ulungel’ ukwoyikwa pezu kwotixo bonke.
5Ngokuba bonke otixo bezizwe bengamadalo; kanti uyehova walenza izulu.
6Ebusweni bake kuko udumo nobukulu; endaweni yake eyingcwele kuko amandla nenkazimlo.
7Nikelani kuyehova, zizukulwana zabantu! nikelani kuyehova ubungcwalisa namandla.
8Nikelani kuyehova ubungcwalisa begama lake; zisani umnikelo, ningene emakusini ake.
9Bedeshani uyehova ebuhleni bobungcwele; tutumelani pambi kwake, mhlaba wonke!
10Yitini pakati kwabaheyideni: Uyehova upete ngobukumkani. Ilizwe nalo liya kuqiniswa, lize lingabi nakushukunyiswa: uya kugweba izizwe ngokufanelekileyo.
11Malivuye izulu, ugcobe umhlaba; malugqume ulwandle, nokuzala kwalo;
12mazivuyelele izindle, nako konke okukuzo: oko iya kugcoba yonke imiti yehlati
13ebusweni bukayehova; ngokuba esiza, — ngokuba esiza kugweba umhlaba: uya kugweba ilizwe ngobulungisa, nezizwe ngenyaniso yake.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.