1SONDELANI, nina zizwe! nize nive; nina zintlanga! pulapulani: mauve umhlaba, nokuzala kwawo; ilizwe, nako konke ukuvelisa kwalo.
2Ngokuba umsindo kayehova upezu kwazo zonke izizwe, nobuṙalaṙume bake pezu kwayo yonke imikosi yazo: uzilahlele ekutshatyalalisweni; uzinikele ekubulaweni.
3Abahlatyiweyo bazo baya kulahlwa, nezidumbu zabo kuya kunyuka ukunuka kwazo; ziti intaba zinyibilike ngegazi labo.
4Wonke umkosi wezulu wonyibilikiswa, namazulu aya kusongwa njengencwadi; ewe, wonke umkosi wawo wovutuluka, njengokuvutuluka kwegqabi emtini weveyine, nanjengokwelishwabeneyo emkiwaneni.
5Ngokuba isiṙele sam siya kunxiliswa emazulwini; bona ke, pezu kwe‐Edome siya kuhla, napezu kwabantu bokulahlela kwam ekutshatyalalisweni, kuze kugwetywe.
6Isiṙele sikayehova sizele ligazi; lityetyisiwe ngenqata; ngegazi lemvana nelebokwe, ngenqata lezintso zenkunzi zegusha: ngokuba uyehova enombingo e‐Botsera, noxe̔lo olukulu ezweni le‐Edome.
7Kwakuya kuhla inyati kunye nazo, nenkabi kunye nenkunzi; ilizwe lazo lonyelwa ngegazi, notuli lwazo luya kutyetyiswa ngenqata.
8Ngokuba ngumhla wempindezelo kayehova, umnyaka wokubuyekeza, ekupikeni kwe‐Ziyone.
9Imilanjana yayo yoguqulwa ibe litywina, notuli lwayo lube yisufure; ewe, ilizwe layo loba litywina elivutayo.
10Aliyi kucinywa nasebusuku nasemini; umsi walo uya kunyuka kude kube ngunapakade; kwisizukulwana ngesizukulwana loba bugxwayiba; kude kube ngunapakade kanapakade akuko mntu oya kucanda kulo.
11Incwangube nencanda zolifuya; isikova nonomyai baya kuma kulo; ngokuba eya kwolula pezu kwalo intambo yocitakalo, namatye obuzé.
12Imiduna yalo, akuko namnye kona abangawubizayo ebukumkanini; inkosana zalo aziseko nanye.
13Ameva aya kupuma ezingxandeni zalo, amaṙau namakakakaka ezinqatyeni zalo; loba likaya lencu̔ka, nendawo yokuhlala yenciniba.
14Amaṙamncwa asentlango aya kuhlangana nempungutye; imbuzi elixonti yobiza kumlingane wayo; isihuluhulu naso siya kuhlala kona ngokwonwaba, sizifumanele indawo yokupumla.
15Kona apo inyoka ejubayo iya kuyenza indlu yayo, izale amaqanda, iwaqandulele, ifukamele ngesitunzi sayo; nakona apo amaxalangakazi ohlanganisana, elinye ngelinye linomlingane walo.
16Funani encwadini kayehova, nileseshe: ayiyi kuba ingeko nanye kwezi; ayiyi kuswela umlingane wayo nanye imazi: ngokuba umlomo wam wona uyalele, nomoya wake yena uzihlanganisile.
17Kanjalo yena uzenzele iqashiso, nesandla sake sizabele lona ngentambo; zolifuya kude kube ngunapakade; kwisizukulwana ngesizukulwana ziya kuhlala kulo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.