1UTSHO uyehova ukuti: Gcinani ubugwebo, nikwenze okulungileyo; ngokuba usindiso lwam lukufupi ukufika, nobulungisa bam ukutyilwa.
2Unetamsanqa umntu owenza oku, nonyana womntu obambelela kuko; ogcina isabata, ukuba angayinco̔lisi; ogcina isandla sake, ukuba angayenzi nanye into ekohlakeleyo.
3Kanjako owasemzini, ozibandakanyele kuyehova, makangatsho esiti: Uyehova ugqibele ukundahlula ebantwini bake; nomtenwa makangati: Bona ke, ndingumti owomileyo.
4Ngokuba esitsho uyehova kubatenwa abagcinayo isabata zam, abanyulayo oko ndikoliswa kuko, bebambelela kulo ucebano lwam, ukuti:
5Sendiya kubanika pakati kwendlu yam, napakati kwendonga zam, inkumbuzo negama elilungileyo pezu kwonyana nentombi; igama elingunapakade ndolinika kubo elingayi kunqanyulwa.
6Nabasemzini, abazibandakanyela kuyehova, ukuba bamkonze, nokuba batande igama likayehova, babe zizicaka zake, bonke abayigcinayo isabata, bengayinco̔lisi, ababambelela kulo ucebano lwam;
7sendiya kubazisa entabeni yam eyingcwele, ndibavuyise endlwini yam yokutandaza; amadini okutshiswa abo nemibingo yabo yoba ikolekile pezu kwesibingelo sam; ngokuba indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kubo bonke abantu.
8Iti inkosi e nguyehova, lowo ubutayo abagxotiweyo bakwa‐Sirayeli: Abanye ndobabutela kuye, ngapandle kwabo ababutiweyo bake.
9 YIZANI nonke nina maṙamncwa asendle! yizani ukudla, nonke nina maṙamncwa asehlatini!
10Abalindi bake bazimfama; bonke ngabangenakwazi; bonke bazizinja ezizidenge; bakohlwa kukukonkota; bengabapupi, belala pantsi, betanda ukwozela.
11Ewe, bazizinja ezibawayo, ezingakwazi ukuhlutiswa; nabo abangabalusi abakwazi ukuqonda: bonke bayajikela kweyabo indlela, abanye ngabanye ngenxa yokuzuza kwabo esipelweni sabo.
12Bati: Yizani, ndiya kuzeka iveyine, size sizinxilise ngoselo olunamandla; ngokuba imini yangomso iya kuba njengalé, ewe, iya kugqitisela ngento enkulu.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.