U‐Yisaya 56 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1UTSHO uyehova ukuti: Gcinani ubugwebo, nikwenze okulungileyo; ngokuba usindiso lwam lukufupi ukufika, nobulungisa bam ukutyilwa.

2Unetamsanqa umntu owenza oku, nonyana womntu obambelela kuko; ogcina isabata, ukuba angayinco̔lisi; ogcina isandla sake, ukuba angayenzi nanye into ekohlakeleyo.

3Kanjako owasemzini, ozibandakanyele kuyehova, makangatsho esiti: Uyehova ugqibele ukundahlula ebantwini bake; nomtenwa makangati: Bona ke, ndingumti owomileyo.

4Ngokuba esitsho uyehova kubatenwa abagcinayo isabata zam, abanyulayo oko ndikoliswa kuko, bebambelela kulo ucebano lwam, ukuti:

5Sendiya kubanika pakati kwendlu yam, napakati kwendonga zam, inkumbuzo negama elilungileyo pezu kwonyana nentombi; igama elingunapakade ndolinika kubo elingayi kunqanyulwa.

6Nabasemzini, abazibandakanyela kuyehova, ukuba bamkonze, nokuba batande igama likayehova, babe zizicaka zake, bonke abayigcinayo isabata, bengayinco̔lisi, ababambelela kulo ucebano lwam;

7sendiya kubazisa entabeni yam eyingcwele, ndibavuyise endlwini yam yokutandaza; amadini okutshiswa abo nemibingo yabo yoba ikolekile pezu kwesibingelo sam; ngokuba indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kubo bonke abantu.

8Iti inkosi e nguyehova, lowo ubutayo abagxotiweyo bakwa‐Sirayeli: Abanye ndobabutela kuye, ngapandle kwabo ababutiweyo bake.

9 YIZANI nonke nina maṙamncwa asendle! yizani ukudla, nonke nina maṙamncwa asehlatini!

10Abalindi bake bazimfama; bonke ngabangenakwazi; bonke bazizinja ezizidenge; bakohlwa kukukonkota; bengabapupi, belala pantsi, betanda ukwozela.

11Ewe, bazizinja ezibawayo, ezingakwazi ukuhlutiswa; nabo abangabalusi abakwazi ukuqonda: bonke bayajikela kweyabo indlela, abanye ngabanye ngenxa yokuzuza kwabo esipelweni sabo.

12Bati: Yizani, ndiya kuzeka iveyine, size sizinxilise ngoselo olunamandla; ngokuba imini yangomso iya kuba njengalé, ewe, iya kugqitisela ngento enkulu.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help