Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 6 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Kanjalo sisebenza kunye naye nje, nati siyanikunga ukuba maningafumani nilwamkele ufefe lukatixo.

2(Ngokuba esiti: Ngexesha elikolekileyo ndikuvile, nangomhla wosindiso ndikusizile. Nali kaloku ixesha elikolekileyo kakuhle, nangu kaloku umhla wosindiso.)

3Singaniki tuba lokuxakanisa nje nganye into, ukuze singeyiwa isikonzo:

4koko sizibonakalisa ezintweni zonke njengokuba singabakonzi bakatixo, emondeni omninzi, ezimbandezelweni, ezitukutezini, ezixingweni,

5ezibetweni, ezintolongweni, ezimpitimpitini, emizanyweni, ezimpapanyweni, ezinzilweni;

6ebucocweni, ekwazini, ekuzekeni kade, ebubeleni, kumoya oyingcwele, elutandweni olungazenzisiyo,

7elizwini lenyaniso, emandleni katixo, ngezixo̔bo zobulungisa ngasekunene nangasekohlo,

8ngembeko nangehlazo, ngodumo olubi nangodumo oluhle: njengabakohlisi, singabenyaniso noko;

9njengabangaziwayo, besaziwa kakulu noko; njengababubayo, kanti, bona ke, sihleli; njengabohlwayiwayo, singafiswa noko;

10njengabalusizi, kodwa sivuya ngamaxesha onke; njengababuhlwempu, kodwa sityebisa abaninzi; njengabangenanto, sifuya izinto zonke noko.

11Umlomo wetu uvulekile ngakuni, ma‐Korinte! intliziyo yetu yandisekile.

12Anixingekile kuti, kodwa nixingekile kuwo umbilini wenu.

13Kekaloku ukubuyekeza into ekwa yiyo, (ndiyateta njengakubo abantwana bam,) yibani nandisekile nani.

14Ize ningazifaki iyokwe yimbi ndawonye nabangakolwayo: ngokuba kuko ubukolwane bunina pakati kwobulungisa nokungalungi? nokukanya kunobudlelana bunina kunye nobumnyama?

15no‐Kristu unemvumelano yanina kunye no‐Beliyali? umhlaumbi okolwayo unesabiwo sanina ndawonye nongakolwayo?

16netempile katixo inesilungelelano sanina nezitixo? ngokuba nina niyiyo itempile katixo ohleliyo; njengokuba etshilo utixo ukuti: Ndiya kuma kubo, ndihambe pakati kwabo; ndandiya kuba ngutixo wabo, bati bona babe ngabantu kum.

17Ngako oko pumani kwa pakati kwabo, nibe nahlukile, utsho uyehova, nokunco̔lileyo ningakucu̔kumisi; ndandiya kunamkela,

18ndibe nguyihlo kuni, niti nina nibe ngonyana nentombi kum, utsho uyehova usomandla.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help