Ingoma ka‐Solomone 3 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Pezu kwesilili sam ebusuku, ndafuna lowo umpefumlo wam umtandayo; ndamfuna, kanti andamfumana.

2Ndati: Ndosuka ke, ndihambahambe esixekweni, ezitarateni nasezindaweni ezibanzi; ndiya kumfuna lowo umpefumlo wam umtandayo: ndamfuna, kanti andamfumana.

3Abalindi abahambahambayo esixekweni bandifumana; endati kubo: Nimbonile na lowo umpefumlo wam umtandayo?

4Bekungumganyana kodwa bendigqitile kubo, xeshekweni ndamfumana lowo umpefumlo wam umtandayo; ndambamba, bendingavumi ukumyeka, ndada ndamzisa endlwini kama̔, nasenkambilini yowandizalayo.

5Ndiyanifungisa, nina zintombi zase‐Yerusaleme! ngamabadikazi, nangamaxamakazi asendle, ukuba ningavusi, nokuba ningavuseleli utando lwam, lude luvume.

6YINTO nina le inyuka elubala, njengemiqulu yomsi, iqunyiselwe ngemore nangentlakamhlope, ngezicoleko zonke zomtengi?

7Bona ke, yipalankine yake u‐Solomone: amaṙoti angamashumi matandatu ayayingqonga, kuwo amaṙoti akwa‐Sirayeli:

8onke epete iziṙele, eqelene nokulwa; amanye ngamanye eneziṙele zawo ngasematangeni awo, ngenxa yezoyikiso ebusuku.

9Uzenzele ipalankine ukumkani, u‐Solomone, ngemiti yase‐Lebanone.

10Intsika zayo wazenza ngesilivere, isixaso sayo ngegolide, isihlalo sayo ngesibomvu; umpakati wayo usetyenziwe ngotando zintombi zase‐Yerusaleme.

11Pumani, nina zintombi zase‐Ziyone! niye kumkangela ukumkani, u‐Solomone, enekrone owamvatisa ngayo unina ngomhla wokutshata kwake, nangomhla wokuvuya kwentliziyo yake.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help