Amaculo 7 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO VII.Ishigayone ka‐Davide owayivuma ku‐Yehova ngokwamazwi ka‐Kushe um‐Benjamine.

1YEHOVA, Tixo wam! ndiyatemba wena; ndisindise kubo bonke abandisukelayo, undikulule:

2hleze aqwenge umpefumlo wam njengengonyama; eṙazula, kungeko okululayo.

3 Yehova, Tixo wam! ukuba ndike ndenza lento; ukuba kuko inkohlakalo ezandleni zam;

4ukuba ndimvuzile obexolene nam ngobubi; ukuba ndimpangile owalana nam kungeko tuba;

5maluti utshaba lusukele umpefumlo wam, luwufumane; ewe, malunyatele ubomi bam kwa semhlabeni, nobungcwalisa bam malubulalise kwa selutulini. Sela.

6Vuka, Yehova! ngengqumbo yako; zipakamise ngenxa yobuṙalaṙume babo balana nam; zundivukele wenze ukugweba ukumiseleyo.

7Maiti intlanganiso yentlanga ikupahle; uze ngenxa yayo ubuyele pezulu ke.

8Uyehova uya kugweba izizwe: ndigwebele, Yehova! njengokwobulungisa bam, nanjengokwobunene bam obukum.

9Yanga ingapela inkohlakalo yabakohlakeleyo; uze olungileyo umqinise: ngokuba ulinga intliziyo nezintso, Tixo olungileyo!

10Ikaka lam likutixo, osindisayo abantliziyo zilungile.

11Utixo uyagwebela olungileyo, kanti okohlakeleyo utixo uyamqumbela ngemihla yonke.

12Nxa angaguqukiyo, wolola iṙele lake; usel’ etyedile isipeta sake, wasilungisa.

13Kanjalo umlungisele izixo̔bo zokufa; intolo zake uyazidalela abatshutshisi.

14Bona ke, umiti yinkohlakalo; ukaulile ububi, uzele ubuxoki.

15Wemba isigingqi, wasingxoka; weyela esihogweni owasenzayo.

16Ububi bake bobuyela pezu kweyake intloko; nobudlwengu bake bohlela elukakayini lwake.

17Ndiya kudumisa uyehova ngokufanele ubulungisa bake; ndoculela igama likayehova opezu kwonke.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help