Amaculo 53 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO LIII.Elika‐Davide, lokuqondisa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngemahalate.

1IGEZA liti entliziyweni yalo: Akuko tixo. Bonakele, benze inkohlakalo ezondekileyo; akuko owenza okulungileyo.

2Utixo esezulwini wakangela pantsi pezu kwonyana babantu, ukubona ukuba kuko na oqondayo, ofuna utixo.

3Bahlehlile bonke, badlubukile kunye; akuko owenza okulungileyo, noko amnye.

4Abenzi benkohlakalo abanakwazi na? abadla abantu bam njengokungati babesidla isonka: ababizanga kuye utixo.

5Apo bebesoyika isoyikiso, apo bekungeko soyikiso kona: ngokuba utixo ecitile amatambo alowo ubemela ngakuwe: ubadanisile; ngokuba utixo ebalahlile.

6Azaba intsindiswa zo‐Sirayeli zabezivele e‐Ziyone! Nxa utixo aya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bake, uya kugcoba u‐Yakobi, uya kuvuya u‐Sirayeli.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help