1SIYABULELA kuwe, Tixo! siyabulela: ngokuba kushunyayelwa yimimangaliso yako ukuba igama lako likufupi.
2Nxa ndizuza ixesha elimisiweyo, ndiya kugweba ngokufanelekileyo.
3Umhlaba nabemi bawo bonke banyibilikile; ndiyaqinisa intsika zawo. Sela.
4Ndati kwabagezayo: Musani ukugeza; nakwabakohlakeleyo: Musani ukupakamisa upondo.
5Musani ukupakamisela pezulu upondo lwenu, ningateti ngentamo elukuni.
6Ngokuba upakanyiswa lungaveli apo lipuma ilanga, nalapo litshona kona, lungaveli nasentlango.
7Ngutixo ongumgwebi: omnye uyamwisa, nomnye uyampakamisa.
8Ngokuba kuko indebe esandleni sikayehova; iveyine ibomvu: izele yinto epitikeziweyo; uyatulula kwa kuyo: koko intlenga zayo bonke abakohlakeleyo bomhlaba baya kuzihluza, bazisele.
9Kodwa mna ndiya kushumayela kude kube ngunapakade; ndiya kucula kuye utixo ka‐Yakobi.
10Kanjalo zonke impondo zabakohlakeleyo ndiya kuzinqumla; kodwa impondo zolungileyo ziya kupakanyiswa.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.