1TIXO! usilahlile, usicitile, ubuqumbile; zubuye ubuyele kuti.
2Uwungcangcazelisile umhlaba; uwucandile: pilisa intanda zawo, uzamazama nje.
3Ubonisile abantu bako into ezilukuni; usisezile iveyine yesizunguzane.
4Ubanikile abo bakwoyikayo ibanile, ukuze ipakanyiswe ngenxa yenyaniso. Sela.
5Ukuze abatandwa bako bakululwe, sindisa ngesokunene sako, undipendule.
6Utixo utetile ebungcweleni bake; ndiya kugcoba: ndiya kwaba i‐Shekeme, ndilinganise umhlambo we‐Sukote:
7u‐Gileyadi ungowam; u‐Manase ukwa ngowam; u‐Frayime naye ungamandla entloko yam; u‐Juda ungumnikamteto wam:
8i‐Mowabi isisitya sam sokuhlambela; pezu kwe‐Edome ndoposa isihlangu sam; danduluka ngovuyo ngenxa yam, Filistiya!
9Ngubanina oya kundikokela esixekweni esiyinqaba? ngubanina oya kundikapela e‐Edome?
10Asi nguwe na, Tixo! owabusilahlile? akuyi kupuma na, Tixo! nemikosi yetu?
11Sinike uncedo ekubandezelweni; ngokuba usizo lwabantu lungendawo.
12Ngaye utixo siya kwenza ngobuṙoti; ngokuba enguye oya kunyatela pantsi ababandezeli betu.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.