U‐Hosheha 6 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Yizani, masibuyele kuyehova, ngokuba eqwengile, kanti wosipolisa; ubetile, kanti wosibopa.

2Wosipilisa emveni kwemihla mibini; wosivusa ngowesitatu umhla, sasiya kupila ebusweni bake.

3Siya kwandula simazi, siya kuzingisa ukumazi uyehova: njengokusa kuqinisiwe ukupuma kwake; waeya kuza kuti njengemvula, njengemvula yasemva, enyelayo umhlaba.

4NDIYA kwenza nto nina kuwe, Frayime! ndiya kwenza nto nina kuwe, Juda! ngokuba ukulunga kwenu kunjengelifu lomso, nanjengombete omkayo kusasa.

5Ngenxa yoku ndibabazile ngabaprofite, ndibabulele ngamazwi omlomo wam: imigwebo yako iyapuma njengokukanya.

6Ngokuba bendifuna ububele, bendingafuni umbingo; nokwaziwa kukatixo, ngapezu kwamadini okutshiswa.

7Kodwa bona njengabantu bagqitile ucebano; apo benzile ngobuxoki ngakum.

8I‐Gileyadi sisixeko sabasebenzi benkohlakalo, sipauliwe ngemikondo yegazi.

9Njengamaqela amabada elalela umntu, injalo intlanganiso yabaperisite; bayabulala endleleni eya e‐Shekeme; ewe, ubutshinitshini babenzile.

10Ndiyibonile endlwini ka‐Sirayeli into eyoyikekileyo: kuko apo umbulo ka‐Frayime; unco̔lisekile u‐Sirayeli.

11Nawe, Juda! umisele wena ixesha lokuvuna.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help