Amaculo 67 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO LXVII.Iculo lokuvunywa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeneginote.

1WANGA utixo angasipata ngofefe, asitamsanqelise, enze ubuso bake bukanye ngakuti. Sela.

2Ize indlela yako yaziwe emhlabeni, nosindiso lwako pakati kwezizwe zonke.

3Abantu mabakudumise, Tixo! bonke abantu mabakudumise.

4Intlanga mazivuye zigcobe nokugcoba; ngokuba uya kugweba abantu ngokulungileyo, ukokele intlanga ezisemhlabeni. Sela.

5Abantu mabakudumise, Tixo! bonke abantu mabakudumise.

6Umhlaba uvelisile ukucu̔ma kwawo; utixo, kwa owetu utixo, uya kusitamsanqelisa.

7Utixo uya kusitamsanqelisa; zaziya kuti zonke incam zomhlaba zimoyike.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help