1GCOBANI kutixo amandla etu: dandulukani ngovuyo kutixo ka‐Yakobi.
2Pakamisani ngeculo, betani intambula, ikinore emnandi kunye nenebele.
3Vutelani ngexilongo ekutwaseni kwenyanga; nasekuhlangananeni kwayo, ngemini yomtendeleko wetu.
4Ngokuba lo ungummiso ku‐Sirayeli, isiko lotixo ka‐Yakobi.
5Wawumisela kwa‐Josefe ube sisinqi̔nelo, okuya wapumela pezu kwelizwe le‐Jipete; apo ndeva inteto endingayiqondanga.
6Ndasusa igxalaba lake emtwalweni; zemka izandla zake ezimbizeni.
7Wakala ebunzimeni, ndakukulula ke; ndakupendula emfihlelweni yodudumo; ndakulinga ngasemanzini e‐Meriba. Sela.
8Yivani, bantu bam! ndoninqi̔nela: Sirayeli! ukuba uya kundipulapula
9akuyi kubako tixo wasemzini kuwe; kanjalo wena akuyi kutoba pambi kwotixo ongaziwayo.
10Mna ndi nguyehova, utixo wako, obekunyusa ezweni le‐Jipete; yakamisa umlomo wako, ndowuzalisa.
11Kuloko abantu bam bengevanga ilizwi lam; u‐Sirayeli akandivumanga.
12Ndaza ndabayekelela ebulukunini bentliziyo zabo; bahamba ngawabo amacebo.
13Akwaba abantu bam babendipulapula, wati u‐Sirayeli wahamba ngezam indlela!
14Ngendiba nditobisile intshaba zabo kamsinyane, ndabuyisela pezu kwabayimpi kubo isandla sam.
15Abo batiya uyehova ngebese bezenzisile kuye: kanti elabo ixesha beliya kubako kude kube ngunapakade.
16Ebeya kubadlisa kwinqolowa etyebileyo; nangobusi buvela eweni bendiya kukukolisa.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.