1NGENYANISO umpefumlo wam uyalinda utixo: luvela kuye usindiswa lwam.
2Ngenyaniso nguye ilityekazi lam nosindiso lwam; nguye inyango yam, andiyi kushukunyiswa kakulu.
3Nomana ukuqinga ububi ngasemntwini kude kube ninina? niya kubulawa nonke; niya kuba njengodonga olutambekayo notango oluwayo.
4Bayacebana kupela ukuba bamwise ebukulwini bake; bayatanda ubuxoki; bayatamsanqelisa ngomlomo wabo, kanti ngombilini wabo bayaqalekisa. Sela.
5Kodwa wena, mpefumlo wam! yiti cwaka pambi kwotixo; ngokuba ukukangela kwam kuvela kuye.
6Ngenyaniso nguye ilityekazi lam nosindiso lwam; nguye inyango yam, andiyi kushukunyiswa.
7Usindiswa lwam lu kutixo, kwa nobungcwalisa bam; ilityekazi lamandla am, nendawo yam yokupepela, zikutixo.
8Tembani yena futi, bantu! palazani intliziyo yenu ebusweni bake: utixo uyindawo yokupepela kuti. Sela.
9Ngenyaniso abantu abamnyama abandawo; abantu abakulu babuxoki: esilinganisweni bayanyuka, belula kokungendawo kwa kunye.
10Musani ukutemba ekubandezeleni; musani ukuqa̔yisa ekubadeni: nxa ubutyebi bandayo, musani ukumisa intliziyo.
11Utixo wateta kwa kanye; kukabini endikuvileyo oku; ukuba amandla alunge kutixo.
12Kanjako kuwe, Nkosi! kulunge ububele; ngokuba uvuza abanye ngabanye njengokwemisebenzi yabo.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.