Amaculo 62 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO LXII.Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, u‐Jedutune.

1NGENYANISO umpefumlo wam uyalinda utixo: luvela kuye usindiswa lwam.

2Ngenyaniso nguye ilityekazi lam nosindiso lwam; nguye inyango yam, andiyi kushukunyiswa kakulu.

3Nomana ukuqinga ububi ngasemntwini kude kube ninina? niya kubulawa nonke; niya kuba njengodonga olutambekayo notango oluwayo.

4Bayacebana kupela ukuba bamwise ebukulwini bake; bayatanda ubuxoki; bayatamsanqelisa ngomlomo wabo, kanti ngombilini wabo bayaqalekisa. Sela.

5Kodwa wena, mpefumlo wam! yiti cwaka pambi kwotixo; ngokuba ukukangela kwam kuvela kuye.

6Ngenyaniso nguye ilityekazi lam nosindiso lwam; nguye inyango yam, andiyi kushukunyiswa.

7Usindiswa lwam lu kutixo, kwa nobungcwalisa bam; ilityekazi lamandla am, nendawo yam yokupepela, zikutixo.

8Tembani yena futi, bantu! palazani intliziyo yenu ebusweni bake: utixo uyindawo yokupepela kuti. Sela.

9Ngenyaniso abantu abamnyama abandawo; abantu abakulu babuxoki: esilinganisweni bayanyuka, belula kokungendawo kwa kunye.

10Musani ukutemba ekubandezeleni; musani ukuqa̔yisa ekubadeni: nxa ubutyebi bandayo, musani ukumisa intliziyo.

11Utixo wateta kwa kanye; kukabini endikuvileyo oku; ukuba amandla alunge kutixo.

12Kanjako kuwe, Nkosi! kulunge ububele; ngokuba uvuza abanye ngabanye njengokwemisebenzi yabo.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help