1NXA u‐Sirayeli wapuma e‐Jipete, indlu ka‐Yakobi ebantwini abakuteta kokwasemzini;
2u‐Juda waba yindawo yake eyingcwele, u‐Sirayeli waba yeyobukosi bake.
3Ulwandle lwabona, lwabaleka; i‐Yoredane yajika ngomva.
4Intaba zatsiba njengenkunzi zegusha, nenduli njengamaxwana.
5Ubunanina, lwandlendini! ukuba wabubaleka? wena, Yoredane! ukuba wabujika ngomva?
6nina zintaba! ukuba nanitsiba njengenkunzi zegusha? nani zinduli! ukuba nanitsiba njengamaxwana?
7Ngcangcazela, wena mhlaba! ebusweni benkosi, ebusweni botixo ka‐Yakobi;
8owaguqula ilitye libe licibi lamanzi, nelitye elilukuni libe ngumtombo wamanzi.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.