1WADA uyehova wati ku‐Samyali: Kude kube ninina uya kumlilela u‐Saule, ndimlahlile nje mna ukuba angabi ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli? zalisa upondo lwako ngeoli, uhambe; ndokutuma ku‐Jese um‐Beteleheme; ngokuba ndizibonele ukumkani pakati kwonyana bake.
2Waza u‐Samyali wati: Ndoti nina ukuhamba? akuva u‐Saule, wondibulala. Wayesiti uyehova: Tabata nawe itokazi lenkomo, uti: Ndize ukubingela uyehova.
3Wandule umeme u‐Jese eze embingweni; ndandiya kukwazisa oko uya kukwenza; wauya kunditambisela lowo endimxela kuwe.
4Wasuka wenza u‐Samyali oko akutetileyo uyehova, weza e‐Beteleheme. Baza abadala besixeko bamkaulela ngokungcangcazela, bati: Uyeza ngoxolo na?
5Wayesiti: Ngoxolo; ndize ukubingela uyehova: zingcwaliseni, nize nam embingweni. Waza wabangcwalisa u‐Jese nonyana bake, wabamemela embingweni.
6Kwaye kute, bakungena, wambona u‐Eliyabe, wati: Okunene umtanjiswa wake upambi kwoyehova!
7Kodwa uyehova wati ku‐Samyali: Ungakangeli ukubonakala kwake, nobupakamo bobude bake, ngokuba ndimlahlile: ngokuba kungenjengokuba kubonwa ngumntu; ngokuba umntu ebona okupambi kwamehlo, kodwa uyehova ebona okusentliziyweni.
8Wandula u‐Jese wambiza u‐Abinadabi, wamdlulisa pambi kwo‐Samyali. Wayesiti: Uyehova akamnyulanga nalowo.
9Wandula u‐Jese wamdlulisa u‐Shama. Wayesiti: Uyehova akamnyulanga nalowo.
10Kwa njalo u‐Jese wadlulisa isixe̔nxe sonyana bake pambi kwo‐Samyali. Wayesiti u‐Samyali ku‐Jese: Uyehova akanyulanga aba.
11Walekela u‐Samyali wati ku‐Jese: Kukupela kwabantwana bako aba na? Wayesiti: Kusasele omncinane; kekaloku bona ke, uyalusa igusha. Waza u‐Samyali wati ku‐Jese: Tuma, umtabate; ngokuba singayi kuhlala ngokungqonga, ade afike apa.
12Watuma ke, wamngenisa. Waye yena ebomvuṙa, enobuhle bamehlo nesoya sokubonakala. Wayesiti uyehova: Suka, umtambise; ngokuba lo enguye.
13Wandula u‐Samyali watabata upondo oluneoli, wamtambisa pakati kwabakuluwe bake: wati umoya kayehova wehla pezu kwo‐Davide kwa semhleni lowo nangasemva. Wesuka ke u‐Samyali, waya e‐Rama.
14KODWA umoya kayehova wemka ku‐Saule; waye umoya okohlakeleyo evela kuyehova wamzuma.
15Zaza izicaka zika‐Saule zati kuye: Bona ke, umoya okohlakeleyo katixo uyakuzuma:
16maiti ke inkosi yetu ixelele izicaka zako ezisebusweni bako, ukuba zifune indoda eyaziyo ukubeta uhadi; kwakuya kuti, nxa umoya okohlakeleyo katixo apezu kwako, iya kwandula ibete ngesandla sayo, wauya kulunga.
17Waza u‐Saule wati kuzo izicaka zake: Kanindikangelele indoda elungisayo ukubeta, niyizise kum.
18Sapendula esinye sezicaka, sati: Bona ke, ndibonile unyana ka‐Jese um‐Beteleheme, owaziyo ukubeta, oligoṙa elibuṙoti, nendoda yokulwa, neciko lokuteta, nendoda enewonga; kanjalo uyehova unaye.
19Ngako u‐Saule watuma izigidimi ku‐Jese, wati: Tuma kum u‐Davide unyana wako, osezigusheni.
20Wandula u‐Jese watabata iqwaṙashe linesonka, nentsuba yeveyine, netakane lebokwe, wazituma ngesandla sika‐Davide, unyana wake, ku‐Saule.
21Wasuka u‐Davide weza ku‐Saule, wema pambi kwake; waza watandwa nguye kakulu, waba ngumtwali wake wezixo̔bo.
22Wabuya u‐Saule watuma ku‐Jese, esiti: Makati ke u‐Davide eme pambi kwam; ngokuba efumene ufefe emehlweni am.
23Kwaye kute, akuba umoya okohlakeleyo katixo ebepezu kwo‐Saule, wandula u‐Davide watabata uhadi, walubeta ngesandla sake; wada u‐Saule womelela, walunga nokulunga, wati umoya okohlakeleyo wemka kuye.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.