1BULELANI kuyehova, ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade.
2Makatsho ke u‐Sirayeli ukuti: Ububele bake bungunapakade.
3Mabatsho ke indlu ka‐Arone ukuti: Ububele bake bungunapakade.
4Mabatsho ke abo bamoyikayo uyehova ukuti: Ububele bake bungunapakade.
5Ndabizela kuyehova ndisesixingweni: uyehova wandipendula wandibeka endaweni ebanzi.
6Uyehova ungecala lam, andiyi kwoyika; umntu angenza nto nina kum?
7Uyehova ungecala lam pakati kwabo bandincedayo; ngako ndiya kukangela pezu kwabanditiyayo.
8Kulungile ukupepela kuyehova, pezu kwokokuba kutenjelwe emntwini.
9Kulungile ukupepela kuyehova, pezu kwokokuba kutenjelwe ezinkosini.
10Zonke izizwe zandir̔aula; koko ngegama likayehova ndiya kuzitshabalalisa.
11Zandir̔aula; ewe, zandir̔aula; koko ngegama likayehova ndiya kuzitshabalalisa.
12Zandir̔aula njengenyosi; zicimekile njengomlilo wameva: ngokuba ngegama likayehova ndiya kuzitshabalalisa.
13Ubunditya̔la kakulu, ukuze ndiwe; kodwa uyehova wandinceda.
14Uyehova ungamandla am, neculo lam, wada waba lusindiso kum.
15Ilizwi lomgcobo nelosindiso lisezintenteni zabalungileyo: isandla sokunene sikayehova siyenza ngobur̔oti.
16Isandla sokunene sikayehova sipakamile; isandla sokunene sikayehova siyenza ngobur̔oti.
17Andiyi kufa, ndohlala; ndandiya kushumayela imisebenzi kayehova.
18Uyehova undohlwayile kakulu; kodwa akandinikelanga ekufeni.
19Ndivulele amasango obulungisa: ndiya kungena ngawo, ndidumise uyehova:
20elisango likayehova, abaya kungena ngalo abalungileyo.
21Ndokudumisa; ngokuba undivile, waba lusindiso kum.
22Ilitye babelilahlile abaki, laba yintloko yegumbi.
23Kukwenza kukayehova oku; kungummangaliso emehlweni etu.
24Le yimini eyenziweyo nguyehova; siya kugcoba sivuye ngayo.
25Ke, Yehova! uze usindise kaloku: ke, Yehova! uze unike kaloku ubutamsanqa.
26Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova: sinitamsanqelisile ngokuvela endlwini kayehova.
27Utixo u nguyehova osikanyiseleyo: bopelelani umnikelo womtendeleko ngentambo, kude kube sezimpondweni zesibingelo.
28Ungutixo wam wena, ndandiya kukudumisa; ungutixo wam, ndokupakamisa.
29Bulelani kuyehova, ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.