Amaculo 24 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ICULO XXIV.Iculo lika‐Davide.

1UMHLABA ngo kayehova, nokuzala kwawo; ilizwe, nabahleli kulo.

2Ngokuba ewusekele pezu kwelwandle; wawuqinisela pezu kwemilambo.

3Ngubanina oya kunyukela entabeni kayehova? ngubanina oya kuma endaweni yake eyingcwele?

4Ozandla zimhlope, nontliziyo ingcwele; oti umpefumlo wake ungawupakamiselanga kokungendawo, nongafunganga ngenkohliso.

5Yena uya kwamkela itamsanqa kuyehova, nobulungisa kutixo wosindiswa lwake.

6Esi sisizukulwana sabo bambuzelayo; sabo bafuna ubuso bako, Tixo ka‐Yakobi! Sela.

7Pakamisani intloko zenu, masango! nibe nokupakanyiswa, zingcango ezingunapakade! waeya kungena ukumkani wobungcwalisa.

8Ngubanina lokumkani wobungcwalisa? nguyehova onamandla nobuṙoti, nguyehova onobuṙoti emfazweni.

9Pakamisani intloko zenu, masango! nipakame, zingcango ezingunapakade! waeya kungena ukumkani wobungcwalisa.

10Ngubanina yena lokumkani wobungcwalisa? nguyehova wemikosi: nguye ukumkani wobungcwalisa. Sela.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help