1HAI itamsanqa losukuba emoyika uyehova, ohambayo ezindleleni zake!
2Ngokuba uya kudla inzuzo yezandla zako; woba netamsanqa, kwakuya kulunga kuwe.
3Umfazi wako woba njengomti weveyine oqa̔mileyo, emacaleni endlu yako; abantwana bako boba njengemitana yomnquma, bengqonga itafile yako.
4Kangela, kukwa njalo ke iya kutanyusanqeliswa indoda emoyikayo uyehova.
5Uyehova wokutamsanqelisa kwa se‐Ziyone; wauya kubona ukulunga kwe‐Yerusaleme yonke imihla yokudla kwako ubomi.
6Ewe, uya kubona abantwana babautwana bako, kwa noxolo pezu kwo‐Sirayeli.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.