U‐Jobi 24 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Kunganina pofu, amaxesha engamfihlelwe usomandla nje, ukuba abamaziyo bangaboni imihla yake?

2Kuko abashenxisa imida; bayapanga umhlambi, bawaluse.

3Iqwaṙashe lenkedama bayalitimba, nenkabi yomhlolokazi bayayitabata ibe ngumbambiso.

4Bayasonga abasweleyo endleleni; amahlwempu elizwe enzwa azimele ndawonye.

5Bona ke, njengamaqwaṙa entlango, bayapumela emsebenzini wabo, befuna kusasa into yokutya; ubala lusisonka sabantwana kubo.

6Bayavuna amazimba abo emasimini abanye, babute esitiyeni semiti yeveyine sokohlakeleyo.

7Bayalalisa zé, bengenangubo; abanasigubungelo engqeleni.

8Ngesipango sentaba banetile; nangokuswela indawo yokupepela bayasingata iliwa.

9 Abanye bayamtyutula kwa sebeleni ofelwe nguyise, napezu kwehlwempu bayabeka umbambiso.

10Bayahamba zé bengenangubo; belambile bayatwala izitungu;

11bayenza ioli pakati kwendonga zabo; bayaxovula izincinezelo zeveyine, benxaniwe noko.

12Esixekweni amadoda ayagula, nompefumlo wabazinxweleṙa uyakala; kanti utixo akabeki ityala.

13Kuko abavukelana nokukanya; abazazi indlela zako, abahlali nasemizileni yako.

14Kungekasi kuvuka umbulali; uyasika olihlwempu nosweleyo; nasebusuku unjengesela.

15Kanjako iliso lomṙexezi liyalinda uncwalazi, esiti: Akuko liso eliya kundibona; uyafaka ubuso isigqubutelo.

16Ebumnyameni bayagqoboza ezindlwini; emini bayazivalela; abazani nokukanya.

17Ngokuba kubo ukusa kufana nesitunzi sokufa; nxa baziwayo, izituso zesitunzi sokufa zibahlela.

18Lowo unamendu pezu kwobuso bamanzi; siqalekisiwe isabelwa sabo basemhlabeni; akabeki ngasendleleni yemiyezo.

19Ukwoma nobushushu buyakukulisa amanzi engqweqwe; kwa njalo incw̔aba liyasusa abo abonileyo.

20Isizalo siya kumlibala; woba kukutya okumnandi kwimpetu: akasayi kubuya akunjulwe; iti inkohlakalo yapulwe njengomti.

21Uyapata kakubi oludlolo, ongazaliyo; nomhlolokazi akamenzeli okulungileyo.

22Uyasusa abomeleleyo ngamandla ake; akupakama, akuko namnye otembayo ebomini.

23Uyanikwa ukuba abe sekunqabeni, ayamele kona: kodwa amehlo ake apezu kwendlela zabo.

24Bayapakanyiswa kube ngumzuzwana, kodwa bahla bangabiko; bayatotywa pantsi; njengabanye bonke bayabutwa; nanjengezikwebu zapezulu bayanqanyulwa.

25Ukuba akunjalo ke, ngubanina oya kundenza ixoki, nesiteto sam asenze into engento?

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help