1XESHEKWENI watetayo u‐Frayime, bekuko ukunkwantya, wapakanyiswa kwa‐Sirayeli; kodwa wazeka ityala ngo‐Bali, wabuba.
2Nakaloku bamana besona ngakumbi, bezenzele imifanekiso etyityishiweyo ngesilivere yabo, njengokuqonda kwabo, izitixo, umsebenzi wencibi upela: bati bona ngazo: Abantu ababingayo mabawange amatole.
3Ngako oko boba njengelifu lomso, nanjengombete omkayo kusasa, njengomququ opetshulwayo sisaqwiti esibayeni, nanjengomsi opumayo esitubeni.
4Kanti mna ndi nguyehova, utixo wako, kuselokwa selizweni le‐Jipete; ngako akuyi kwazi namnye utixo kupela mna, ngokuba kungeko msindisi ngapandle kwam.
5Bendikwazi entlango, elizweni elinxaniweyo.
6Njengokudliswa kwabo, bekunjalo ukuhluta kwabo; bahluta ke, yati intliziyo yabo yapakama; ngako oko bandilibala.
7Ndaza ndaba njengengonyama kubo, ndabagqala njengengwe endleleni.
8Ndabakaulela njengebere ehlutiweyo amatole ayo, ndaṙazula isidla sentliziyo yabo; ndabadla kona njengengonyamakazi; iṙamncwa lasendle labaqwenga.
9Uzitshabalalisile, Sirayeli! koko uncedo lwako lukum.
10Upina ke ukumkani wako, ukuze akusindise kuzo zonke izixeko zako? nabagwebi bako bapina, benisiti ngabo: Ndipe ukumkani nenkosi?
11Ndakunika ukumkani ngengqumbo yam, ndamsusa ngomsindo wam.
12Inkohlakalo ka‐Frayime ibotshiwe; isono sake sibekelwe.
13Inimba zomfazi ozalayo zoza pezu kwake; ungunyana ongenabulumko; okanye ebengayi kuhlala kade endaweni yokutyoboza kwabantwana.
14Ndobahlangula emandleni encw̔aba; ndobakulula ekufeni: zipina imbubiso zako, kufa? sipina isitshabalaliso sako, ncw̔aba? ukuguquka kuya kufihlwa emehlweni am.
15Nakuba acu̔mileyo pakati kwabazalwana bake, kwoza noko umoya wasempumalanga, umoya kayehova, unyuka elubala; wauya kwoma umtombo wake, netende lake liya kutsha: uya kupanga imbekelo yempahla zonke ezinqwenelekileyo.
16Iya kuci̔takaliswa i‐Samariya, ngokuba ivukele ngakuye utixo wayo; baya kuwa ngesiṙele; intsana zabo zotyunyuzwa, nabafazi babo abamitileyo baya kuqangqululwa.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.