U‐Hosheha 13 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1XESHEKWENI watetayo u‐Frayime, bekuko ukunkwantya, wapakanyiswa kwa‐Sirayeli; kodwa wazeka ityala ngo‐Bali, wabuba.

2Nakaloku bamana besona ngakumbi, bezenzele imifanekiso etyityishiweyo ngesilivere yabo, njengokuqonda kwabo, izitixo, umsebenzi wencibi upela: bati bona ngazo: Abantu ababingayo mabawange amatole.

3Ngako oko boba njengelifu lomso, nanjengombete omkayo kusasa, njengomququ opetshulwayo sisaqwiti esibayeni, nanjengomsi opumayo esitubeni.

4Kanti mna ndi nguyehova, utixo wako, kuselokwa selizweni le‐Jipete; ngako akuyi kwazi namnye utixo kupela mna, ngokuba kungeko msindisi ngapandle kwam.

5Bendikwazi entlango, elizweni elinxaniweyo.

6Njengokudliswa kwabo, bekunjalo ukuhluta kwabo; bahluta ke, yati intliziyo yabo yapakama; ngako oko bandilibala.

7Ndaza ndaba njengengonyama kubo, ndabagqala njengengwe endleleni.

8Ndabakaulela njengebere ehlutiweyo amatole ayo, ndaṙazula isidla sentliziyo yabo; ndabadla kona njengengonyamakazi; iṙamncwa lasendle labaqwenga.

9Uzitshabalalisile, Sirayeli! koko uncedo lwako lukum.

10Upina ke ukumkani wako, ukuze akusindise kuzo zonke izixeko zako? nabagwebi bako bapina, benisiti ngabo: Ndipe ukumkani nenkosi?

11Ndakunika ukumkani ngengqumbo yam, ndamsusa ngomsindo wam.

12Inkohlakalo ka‐Frayime ibotshiwe; isono sake sibekelwe.

13Inimba zomfazi ozalayo zoza pezu kwake; ungunyana ongenabulumko; okanye ebengayi kuhlala kade endaweni yokutyoboza kwabantwana.

14Ndobahlangula emandleni encw̔aba; ndobakulula ekufeni: zipina imbubiso zako, kufa? sipina isitshabalaliso sako, ncw̔aba? ukuguquka kuya kufihlwa emehlweni am.

15Nakuba acu̔mileyo pakati kwabazalwana bake, kwoza noko umoya wasempumalanga, umoya kayehova, unyuka elubala; wauya kwoma umtombo wake, netende lake liya kutsha: uya kupanga imbekelo yempahla zonke ezinqwenelekileyo.

16Iya kuci̔takaliswa i‐Samariya, ngokuba ivukele ngakuye utixo wayo; baya kuwa ngesiṙele; intsana zabo zotyunyuzwa, nabafazi babo abamitileyo baya kuqangqululwa.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help