U‐Yisaya 64 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1Akwaba ubuya kuṙazula amazulu, uhle ke; ziti intaba zizamazame ebusweni bako!

2Njengokuba umlilo upemba intsasa, njengokuba umlilo uwenza amanzi ayaluzele; uti kwa njalo ulazise igama lako ezintshabeni zako, ukuba izizwe zingcangcazele ebusweni bako.

3Wati wakuzenza izinto ezoyikekileyo, esingazikangelanga, wehla wena; intaba zazamazama ebusweni bako.

4Akuviwanga kwa napakade, akuqiqwanga yindlebe, akubonwanga liliso utixo ngapandle kwako, owenzelela yena omlindayo.

5Uyakaulelana nalowo ugcobayo nowenza okulungileyo, abo bakukumbulayo ezindleleni zako: bona ke, wena uqumbile, ngokuba sonile; kodwa ngenxa yokuba zingunapakade, ngako siya kusindiswa.

6Koko sinjengento enco̔lileyo tina sonke, nako konke ukulunga kwetu kunjengeqiya eyintshontsho; siyabuna tina sonke njengegqabi, nezikohlakalo zetu, njengomoya, ziyasimkisa.

7Kanjalo akuko namnye obizayo egameni lako, ozivusayo ukuba abambelele kuwe: ngokuba ubuso bako ubufihlile kuti, wasinyibilikisa ngezono zetu.

8Kodwa kaloku, Yehova! ungubawo wetu; tina silulo udongwe, nawe unguye umbumbi wetu; singumsebenzi wesandla sako tina sonke.

9Ungaqumbi, Yehova! kude kube kakulu; ungakumbuli kude kube ngunapakade inkohlakalo: bona, zukangele ke, tina sonke singabantu bako.

10Izixeko zako ezingcwele ziyintlango; i‐Ziyone iyintlango; i‐Yerusaleme iyingcitakalo.

11Indlu yetu eyingcwele entle, leyo obawo betu bakudumisa kuyo, itshisiwe ngomlilo; nazo zonke izinto zetu ezinqwenelekileyo zicitakalisiwe.

12Uya kuzinyanzela pezu kwezizinto na, Yehova? woba uti cwaka na, usibandezele kude kube kakulu na?

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help