U‐Jeremiya 1 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

ISAHLUKO I.

1AMAZWI ka‐Jeremiya, unyana ka‐Hilikiya, owabaperisite abebese‐Hanatote elizweni lakwa‐Benjamine;

2okuye ilizwi likayehova lezayo emihleni ka‐Josiya unyana ka‐Amoni ukumkani we‐Juda, ngoweshumi linesitatu umnyaka wobukumkani bake:

3leza nasemihleni ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani we‐Juda, kwada kwasekupeleni kwomnyaka weshumi elinamnye ka‐Zedekiya unyana ka‐Josiya ukumkani we‐Juda, kwada kwasekufudusweni kwe‐Yerusaleme ngenyanga yesihlanu.

4Kekaloku ilizwi likayehova leza kum lisiti:

5Ndingekakudali esiswini bendikwazi; kwa ungekapumi esizalweni ndakwahlula; ndakumisela ube ngumprofite ezizweni.

6Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! bona ke, andikwazi ukuteta, ngokuba ndingumntwana.

7Kodwa uyehova wati kum: Ungatsho ukuti, ndingumntwana; ngokuba uya kuya kubo bonke endiya kukutuma kubo, nako konke endiya kukuyalela kona wokuteta.

8Ungoyiki ubuso babo; ngokuba ndinawe mna ukuba ndikukulule, utsho uyehova.

9Wandula uyehova wolula isandla sake, wacukumisa umlomo wam; wayesiti uyehova kum: Bona ke, ndiwabekile amazwi am emlonyeni wako.

10Kangela, ndikumisile namhla nje pezu kwezizwe, napezu kwezikumkani, ukuncotula, nokucita, nokutshabalalisa, nokuwisa, ukwaka nokutyala.

11Labuya leza kum ilizwi likayehova, lisiti: Ubona nto nina, Jeremiya? Ndati: Ndibona uswazi lwomti wesamonde.

12Waza uyehova wati kum: Ulungisile ukubona: ngokuba ndiya kulinda pezu kwelizwi lam ukulenza.

13Labuya leza kum ilizwi likayehova ngokwesibini, lisiti: Ubona nto nina? Ndati: Ndibona imbiza ebilayo; nobuso bayo busenode.

14Wayesiti uyehova kum: Kwa senode ilishwa liya kuvunjululelwa ngakubo bonke abemi belizwe.

15Ngokuba, bona ke, ndiya kubiza zonke izizalwane zobukumkani basenode, utsho uyehova; zaziya kuza, zibeke ezinye ngezinye iterone zazo emnyango wamasango e‐Yerusaleme, nangakuzo zonke indonga zayo ngento engqongayo, nangakuzo zonke izixeko zakwa‐Juda.

16Ndandiya kuteta imigwebo yam ngakubo, ngenxa yayo yonke inkohlakalo yabo; ngokokuba bendishiyile, nokuba bequ̔misele otixo bambi, nokuba bezitobile kuyo imisebenzi yezabo izandla.

17Wena, ngoko, ubinqe isinqe sako, usuke, utete kubo konke endiya kukuyalela kona: ungetuswa ngobuso babo, hleze ndikumatise pambi kwabo.

18Ngokuba, bona ke, ndikwenzile namhla isixeko esinqatyisiweyo, nentsika yesincete, nendonga zexina ngakulo lonke ilizwe; ngakubo okumkani be‐Juda, ngakuzo inkosana zayo, ngakubo abaprofite bayo, nangakubo abantu belizwe.

19Bangalwa nawe, koko bengayi kukweyisa; ngokuba ndinawe mna, utsho uyehova, ukuba ndikukulule.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help