1YIVANI elilizwi, nina zimazi zase‐Bashane! ezisentabeni ye‐Samariya; ezibandezelayo amahlwempu; ezincinezelayo abasweleyo; eziti kwinkosi zazo: Zisa bo, ukuba sisele.
2Inkosi e nguyehova ifungile ubungcwele bayo, ukuti: Bona ke! imihla iza kufika pezu kwenu, nxa niya kususwa ngamagwegwe, nabayinzalo yenu ngamaqeṙu entlanzi.
3Naniya kupuma ngeziṙoba, ezinye ngezinye zisiti ngqo pambili; niya kuziwisa kwa kuyo indlukazi; utsho uyehova.
4Yizani e‐Betele, none ke; yandisani ukwona e‐Gilegale; zisani imibingo yenu imiso yonke, namashumi enu ngeminyaka mitatu.
5Qu̔misani ngedini lokubulela elinegwele; shumayelani iminikelo yesisa, niyivakalise; ngokuba nitanda okunjalo, nina lusapo luka‐Sirayeli! itsho inkosi e nguyehova.
6Nangona ndininikile ubumhlope bamazinyo kuzo zonke izixeko zenu, nokusweleka kwesonka kuyo yonke imizi yenu, anibuyelanga kum noko, utsho uyehova.
7Nangona ndiyibambile kuni imvula, nxa ziseko inyanga zintatu lingekafiki ixesha lokuvuna: ndanisa imvula pezu kwesinye isixeko, kodwa pezu kwesinye isixeko andiyinisanga; enye indawana kwaniswa pezu kwayo, yati indawana ekunganiswanga pezu kwayo yoma;
8zandula izixeko ezibini, umhlaumbi ezitatu, zabadulela kwisixeko sinye, kuselwe amanzi, kodwa bezingakoliswa: anibuyelanga kum noko, utsho uyehova.
9Ndinibetile ngesihumba nangembabala ngento eninzi; izitiya zenu, nemiyezo yenu, imikiwane yenu, neminquma yenu, uyidlile umqikela; anibuyelanga kum noko, utsho uyehova.
10Nditumile pakati kwenu isifo esibubisayo, ngesiko le‐Jipete; amadodana enu ndiwabulele ngesiṙele, kunye namahashe enu atinjiweyo; nokunuka kweminquba yenu ndikunyusele ezimpumlweni zenu; anibuyelanga kum noko, utsho uyehova.
11Ndinici̔tile inxenye, njengokuba utixo waci̔ta i‐Sodome ne‐Gomora; nabeninjengesikuni esinyotulweyo ekutsheni; anibuyelanga kum noko, utsho uyehova.
12Ngako oko ndiya kwenza ngokunjalo kuwe, Sirayeli! ngokokuba oku ndiya kukwenza kuwe, lungiselela ukumkaulela utixo wako, Sirayeli!
13Ngokuba, bona ke, owadala intaba, owenza umoya; oxelayo emntwini into kuyiyo ukucamanga kwake; okwenzayo ukusa kube bubumnyama, onyatelayo pezu kwendawo ezipezulu zomhlaba; nguyehova, utixo wemikosi, igama lake.
Who We AreWhat We EelieveWhat We Do
2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.