U‐Yisaya 39 - Xhosa Bible 1864, 1902 (Appleyard)

1NGELOXESHA watuma u‐Merodaki‐baladane, unyana ka‐Baladane, ukumkani we‐Babilone, incwadi nebaso ku‐Hezekiya; ngokuba ebevile ukuba ubesifa, nokuba ubuye wacaca.

2Waye u‐Hezekiya evuya ngabo, wababonisa indlu yake yokubekela, isilivere, negolide, nezimnandi, neoli enqabileyo, nayo yonke indlu yezixo̔bo zake, nako konke okube kufunyanwa pakati kwendyebo zake: akwabiko nto endlwini yake, nakubo bonke ubukosi bake, abebengaboniswa yona ngu‐Hezekiya.

3Wandula weza u‐Yisaya umprofite kukumkani u‐Hezekiya, wati kuye: Ate nina lamadoda? avela pina ukuza kuwe? Wati u‐Hezekiya: Avela elizweni elikude ukuza kum, e‐Babilone.

4Waza wati: Yinto nina ayibonileyo endlwini yako? Wayesiti u‐Hezekiya: Konke okusendlwini yam akubonile; akuko nto pakati kwendyebo zam endingawabonisanga yona.

5Wandula wati u‐Yisaya ku‐Hezekiya: Yiva ilizwi likayehova wemikosi.

6Bona ke, imihla iyeza, kwakuba konke okusendlwini yako, noko bakubekeleyo oyihlo bako kwada kwanamhla, kuya kusiwa e‐Babilone; akuyi kusala nento, utsho uyehova.

7Nakubo onyana bako abaya kupuma kuwe, abo uya kubazala, baya kususa inxenye; babeya kuba ngababusi eluxandeni lwokumkani we‐Babilone.

8Waza wati u‐Hezekiya ku‐Yisaya: Lilungile ilizwi likayehova, elo ulitetileyo. Wati kanjako: Ngokuba kuya kubako uxolo nenyaniso emihleni yam.

Blog
About Us
Message
Site Map

Who We AreWhat We EelieveWhat We Do

Terms of UsePrivacy Notice

2025 by iamachristian.org,Inc All rights reserved.

Home
Gospel
Question
Blog
Help